UIsaya Chapter 42

For English

Read UIsaya Chapter 42 Online

Read UIsaya Chapter 42 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UIsaya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UIsaya 42

Isahluko 42

1. Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.

2. Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe.

3. Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso.

4. Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi.

5. Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya:

6. ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga;

7. ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni.

8. NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.

9. Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa.

10. Vumani kuYehova ingoma entsha, indumiso yakhe kwaseziphelweni zehlabathi, nina bahla baye elwandle, nenzaliseko yalo, nina ziqhithi nabemi bazo.

11. Mayiphakamise izwi intlango, nemizi yayo, nemizana ehleli amaKedare; mabamemelele abemi bengxondorha, batsholoze ezincotsheni zeentaba.

12. Mabamzukise uYehova, baxele indumiso yakhe eziqithini.

13. UYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengendoda yokulwa; uya kuduma, ewe, uya kunkqangaza; uya kuba ligorha ezintshabeni zakhe.

14. Kususela kwakude ndithe quthu, ndathi tu, ndazibamba; ngoku ndiya kubefuza njengozalayo, ndibe nephika, ndifuthe nokufutha.

15. Ndobharhisa iintaba neenduli, ndiyitshise yonke imifuno yazo, imilambo ndiyenze iziqithi, ndiwatshise amadike.

16. Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo; ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo, iindawo ezimagqagala zibe zithabazi. Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi.

17. Baya kubuya umva, badane bedanile, abakholosa ngemifanekiso eqingqiweyo, abathi kwetyhidiweyo, Ningoothixo bethu.

18. Yivani, zithulu; bhekani nibone, zimfama.

19. Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam? osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengenqogu, oyimfama njengomkhonzi kaYehova?

20. Ubona izinto ezininzi, akazigcini noko; uvula iindlebe, akeva noko.

21. UYehova uthande ngenxa yobulungisa bakhe ukuwukhulisa umyalo, wawenza wanobungangamsha.

22. Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa.

23. Ngubani na kuni oya kukubekela indlebe oko, abaze indlebe, eve emveni koku?

24. Ngubani na owamnikela uYakobi ekuhluthweni, owamnikela uSirayeli kubaphangi? AsinguYehova nalowo sonayo kuye, lowo bangavumanga ukuhamba ngeendlela zakhe, abawuphulaphula umyalo wakhe?

25. Wamphalazela ngobushushu bomsindo wakhe, nangamandla emfazwe; wamlenya ngomlilo ngeenxa zonke, akakwazi noko; wamtshisa, noko akakunyamekela oko ngentliziyo.

About UIsaya Chapter 42

Read UIsaya Chapter 42 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UIsaya
Chapter: 42
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UIsaya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UIsaya Chapter 42 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UIsaya Chapter 42?

UIsaya Chapter 42 is part of the Book of UIsaya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UIsaya Chapter 42 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from Uisaya

  1. UIsaya Chapter 15
  2. UIsaya Chapter 26
  3. UIsaya Chapter 45
  4. UIsaya Chapter 25
  5. UIsaya Chapter 7
  6. UIsaya Chapter 59
  7. UIsaya Chapter 57

Related Chapters & Readings

  1. ILevitikus Chapter 10
  2. IZenzo Chapter 22
  3. IiNdumiso Chapter 44
  4. IEksodus Chapter 24
  5. UIsaya Chapter 14
  6. KwabaseRoma Chapter 2
  7. 1 KwabaseTesalonika Chapter 3
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *