2 KwabaseKorinte Chapter 8

For English

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 8 Online

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 KwabaseKorinte 8

Isahluko 8

1. Ke kaloku, bazalwana, siyanazisa ubabalo lukaThixo oluhlakaziweyo phakathi kwamabandla akwelaseMakedoni;

2. okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo.

3. Ngokuba ndiyangqina ukuba bathe, ngokwamandla abo, ewe nangaphezu kwamandla, banikela ngokuqhutywa yintliziyo,

4. besikhunga, besibongoza kakhulu, ukuba silwamkele ubabalo olo, ubudlelane ke obo bokulungiselela abangcwele.

5. Abanelanga kwenza njengoko sathemba ngako; bathi kuqala bazinikela eNkosini, baza kamva bazinikela nakuthi ngokuthanda kukaThixo;

6. ngokokude simyale uTito, ukuze athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo.

7. Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo.

8. Anditsho ngakwammiselo; ukutsho, ndenziwa kukunyameka kwabanye, ndicikida nenyaniso yolwenu uthando;

9. kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.

10. Ngale ndawo ke ndinipha okwam ukubona; kuba oko kunilungele nina aba nayiqalayo kwanyakenye le nto; ananela kuyenza, nayithanda nokuyithanda.

11. Ngoku ke yenzeni niyifeze loo nto, ukuze, kwanjengokuba bekukho intumekelelo yokuthanda, kwangokunjalo kubekho nokuyifeza ngeninako.

12. Kuba intumekelelo, ukuba selikho, yamkeleka kakuhle ngokoko asukuba enako umntu, kungabi ngokoko angenako.

13. Kuba andithi mabaphumle abanye, nibandezeleke nina;

14. ndithi, ukuze kubekho ukulingana ngexesha lakalokunje, ukuphuphuma kwenu makufikelele ekusileleni kwabo; ukuze nokuphuphuma kwabo kufikelele ekusileleni kwenu, ukuze ke kubekho ukulingana;

15. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Owabutha kakhulu akabanga nakusalelayo; nowabutha kancinane akabanga nakusilela.

16. Makubulelwe ke kuThixo, ongenise kwaoko kuninyamekela entliziyweni kaTito.

17. Ngokuba wasamkela okunene isiyalo; ke uthe, enyameke okunye, waphuma ngokuqhutywa yintliziyo, waya kuni.

18. Sathuma ke kunye naye umzalwana odume phakathi kwawo onke amabandla, ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo.

19. Asikuphela ke oko; wanyulwa nokunyulwa ngawo amabandla, ukuba abe ngohamba nathi, nalo olu lubabalo lulungiselelwayo sithi, ukuze izukiswe iNkosi, nibe nokuthumekelela nina:

20. silumkele oku, ukuba kungabikho mntu usibeka bala kule nyambalala yeminikelo ilungiselelwayo sithi;

21. sikhathalele izinto ezintle, kungekhona emehlweni eNkosi yodwa, kukwanasemehlweni abantu.

22. Sithume ke kunye nabo umzalwana wethu, esimcikide futhi ngeendawo ezininzi, samfumana ekhuthele; kokukhona akhuthele kakhulu, ekholose kakhulu ngani.

23. Nokuba kuthethwa ntoni ngoTito, yazini ukuba ulidlelane nam, nomsebenzisi wam kuni; nokuba kuthethwa ngabazalwana bethu, yazini ukuba bangabathunywa bamabandla kaThixo, baluzuko lukaKristu.

24. Lo mbonakalaliso ngoko wothando lwenu, nowokuzingca kwethu ngani, wubonakalaliseni kubo, naphambi kwamabandla.

About 2 KwabaseKorinte Chapter 8

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 KwabaseKorinte
Chapter: 8
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 KwabaseKorinte Chapter 8 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 KwabaseKorinte Chapter 8?

2 KwabaseKorinte Chapter 8 is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 KwabaseKorinte Chapter 8 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-kwabasekorinte

  1. 2 KwabaseKorinte Chapter 10
  2. 2 KwabaseKorinte Chapter 2
  3. 2 KwabaseKorinte Chapter 4
  4. 2 KwabaseKorinte Chapter 3
  5. 2 KwabaseKorinte Chapter 12
  6. 2 KwabaseKorinte Chapter 5
  7. 2 KwabaseKorinte Chapter 1

Explore More from ITestamente Entsha

  1. KwabaseEfese Chapter 6
  2. ULuka Chapter 3
  3. 1 KaPetros Chapter 1
  4. KwabaseKolose Chapter 1
  5. UMateyu Chapter 9
  6. KumaHebhere Chapter 8
  7. KumaHebhere Chapter 1

Related Chapters & Readings

  1. 2 YeziKronike Chapter 5
  2. ULuka Chapter 4
  3. 2 YooKumkani Chapter 14
  4. UHoseya Chapter 5
  5. ImiZekeliso Chapter 9
  6. UYona Chapter 2
  7. UYohane Chapter 7
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *