Read 2 KwabaseTesalonika Chapter 3 Online
Read 2 KwabaseTesalonika Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseTesalonika in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KwabaseTesalonika and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
2 KwabaseTesalonika 3
Isahluko 3
1. Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni;
2. nokuba sihlangulwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke.
3. Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo.
4. Sikholose ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza.
5. Yanga ke iNkosi ingathi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, naselunyamezelweni lukaKristu.
6. Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi.
7. Kuba niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu.
8. Asidlanga sonka samntu ngesisa; sidle ngokubulaleka nangemigu, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni;
9. kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina.
10. Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.
11. Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye.
12. Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka.
13. Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo.
14. Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane.
15. Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana.
16. Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke.
17. Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala.
18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
About 2 KwabaseTesalonika Chapter 3
Read 2 KwabaseTesalonika Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseTesalonika in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 2 KwabaseTesalonika
Chapter: 3
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KwabaseTesalonika. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 2 KwabaseTesalonika Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 2 KwabaseTesalonika Chapter 3?
2 KwabaseTesalonika Chapter 3 is part of the Book of 2 KwabaseTesalonika in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 2 KwabaseTesalonika Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 2 Kwabasetesalonika
Explore More from ITestamente Entsha
- 1 KwabaseKorinte Chapter 14
- UMarko Chapter 15
- EkaYakobi Chapter 4
- IZenzo Chapter 23
- KwabaseKolose Chapter 2
- IZenzo Chapter 19
- IsiTyhilelo Chapter 15