UMateyu Chapter 15

For English

Read UMateyu Chapter 15 Online

Read UMateyu Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMateyu and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UMateyu 15

Isahluko 15

1. Bafike oko kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi,

2. Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.

3. Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?

4. Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa.

5. Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina.

6. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.

7. Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,

8. Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;

9. Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.

10. Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde.

11. Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu.

12. Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?

13. Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.

14. Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.

15. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso.

16. Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku?

17. Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese?

18. Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu.

19. Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.

20. Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.

21. Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon.

22. Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Akamphendula ke nelizwi eli.

23. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala.

24. Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa.

25. Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize.

26. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.

27. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.

28. Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa.

29. Esukile apho, uYesu weza ngaselwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi khona.

30. Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa;

31. zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.

32. Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni.

33. Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana?

34. Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa.

35. Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni.

36. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.

37. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele.

38. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana.

39. Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.

About UMateyu Chapter 15

Read UMateyu Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UMateyu
Chapter: 15
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMateyu. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UMateyu Chapter 15 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UMateyu Chapter 15?

UMateyu Chapter 15 is part of the Book of UMateyu in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UMateyu Chapter 15 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IZenzo Chapter 9
  2. IZenzo Chapter 26
  3. IZenzo Chapter 18
  4. IZenzo Chapter 13
  5. IZenzo Chapter 12
  6. IZenzo Chapter 7
  7. IZenzo Chapter 8

Explore More from umateyu

  1. UMateyu Chapter 23
  2. UMateyu Chapter 24
  3. UMateyu Chapter 25
  4. UMateyu Chapter 13
  5. UMateyu Chapter 18
  6. UMateyu Chapter 20
  7. UMateyu Chapter 26

Related Chapters & Readings

  1. 1 KaPetros Chapter 1
  2. UEstere Chapter 10
  3. IiNdumiso Chapter 35
  4. 2 YeziKronike Chapter 25
  5. ImiZekeliso Chapter 14
  6. ILevitikus Chapter 22
  7. 1 YooKumkani Chapter 18
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *