2 KwabaseKorinte Chapter 13

For English

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 13 Online

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 KwabaseKorinte 13

Isahluko 13

1. Oku kokwesithathu ndisiza kuni. Onke amazwi aya kumiswa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba mathathu.

2. Sendixele kade, ndixela ngenxa engaphambili, njengoko ndandikho okwesibini, nanjengoku ndingekhoyo ngoku, ndibaxelela abo bone kade, nabanye bonke, okokuba xa ndithe ndabuya ndafika, andiyi kubaconga;

3. ekubeni nifuna isiganeko sokuthetha kukaKristu phakathi kwam, ongaswele amandla ngokusingisele kuni, onamandla phakathi kwenu.

4. Kuba, nakuba wabethelelwayo emnqamlezweni ngokwasekusweleni amandla, udla ubomi ngokwasemandleni kaThixo. Kuba nathi siswele amandla kuye, noko siya kudla ubomi naye ngokwasemandleni kaThixo, ngokubhekisele kuni.

5. Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu. Okanye anizazi na ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu? ukuba okunene aningabo abo bangenakucikideka.

6. Ndiyathemba ke ukuba niyakwazi, ukuba asingabo abo bangenakucikideka thina.

7. Ndithandaza ke kuye uThixo, ukuba ningenzi nanye into embi; kungekuko ukuze sibonakale sicikidekile thina, ikukuze nenze into entle nina, ke thina sibe njengabangenakucikideka.

8. Kuba asinakwenza nto ngokuchasa inyaniso; sinokwenzela inyaniso.

9. Kuba siyavuya, xa sukuba singenamandla thina, nibe nina ninamandla; sithandazela nokuthandazela oku ke, ukuba nigqibelele ukulunga.

10. Ngenxa yoko ndibhala ezi zinto ndingekho, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndenze kabukhali ngokwegunya, endalinikwa yiNkosi ukuba libe lelokwakha, lingabi lelokuchitha.

11. Elokugqiba, bazalwana, ndithi, Vuyani, zilungiseni nigqibelele, thuthuzelekani, cingani nto-nye, zolani; wothi ke uThixo wothando noxolo abe nani.

12. Bulisanani ngolwango olungcwele.

13. Bayanibulisa bonke abangcwele aba.

14. Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, nothando lukaThixo, nodlelano loMoya oyiNgcwele, malube nani nonke. Amen.

About 2 KwabaseKorinte Chapter 13

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 KwabaseKorinte
Chapter: 13
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 KwabaseKorinte Chapter 13 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 KwabaseKorinte Chapter 13?

2 KwabaseKorinte Chapter 13 is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 KwabaseKorinte Chapter 13 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-kwabasekorinte

  1. 2 KwabaseKorinte Chapter 10
  2. 2 KwabaseKorinte Chapter 8
  3. 2 KwabaseKorinte Chapter 2
  4. 2 KwabaseKorinte Chapter 4
  5. 2 KwabaseKorinte Chapter 3
  6. 2 KwabaseKorinte Chapter 12
  7. 2 KwabaseKorinte Chapter 5

Explore More from ITestamente Entsha

  1. 2 UYohane Chapter 1
  2. IsiTyhilelo Chapter 14
  3. UMateyu Chapter 21
  4. UMarko Chapter 2
  5. 1 UYohane Chapter 2
  6. ULuka Chapter 18
  7. UYohane Chapter 4

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 34
  2. UHezekile Chapter 12
  3. UYeremiya Chapter 47
  4. IiNdumiso Chapter 100
  5. KwabaseKolose Chapter 3
  6. UMateyu Chapter 22
  7. INgoma yazo iiNgoma Chapter 6
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *