Read IZenzo Chapter 15 Online
Read IZenzo Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IZenzo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IZenzo and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IZenzo 15
Isahluko 15
1. Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.
2. Kuthe ngoko, kwakubon’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.
3. Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.
4. Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo.
5. Kwasuka kwema ke abathile abakholiweyo behlelo labaFarisi, besithi, Bamelwe kukuba baluke, nokuthi bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses.
6. Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo.
7. Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe.
8. UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;
9. akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.
10. Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?
11. Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.
12. Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.
13. Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.
14. USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.
15. Ayavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
16. Emveni koku ndiya kubuya, Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo, Ndibuye ndiwumise;
17. Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi, Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam; Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.
18. Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.
19. Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;
20. kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.
21. Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.
22. Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana.
23. Babhala incwadi ngesandla sawo, besithi: Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, abakwa-Antiyokwe nakwelaseSiriya nakwelaseKiliki.
24. Ekubeni ke sivile ukuba abathile kuthi baphuma baya banikhathaza ngamazwi, beyikhukulisa imiphefumlo yenu, besithi, makwalukwe, kugcinwe umthetho, esingabayalelanga wona:
25. kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda ukuba siwathume kuni, ndawonye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos,
26. abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.
27. Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.
28. Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:
29. zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.
30. Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.
31. Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.
32. Ke kaloku ooYuda noSilas, kuba bengabaprofeti nabo, babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.
33. Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile.
34. Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona.
35. Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi.
36. Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu, kuyo yonke imizi ngemizi esalazisayo kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.
37. Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ekuthiwa nguMarko;
38. kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini.
39. Kwabakho ngoko amazwi abukhali phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; athi uBharnabhas amthabathe uMarko, anduluke ngomkhombe aye eSipro;
40. kodwa uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana.
41. Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.
About IZenzo Chapter 15
Read IZenzo Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IZenzo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IZenzo
Chapter: 15
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IZenzo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IZenzo Chapter 15 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IZenzo Chapter 15?
IZenzo Chapter 15 is part of the Book of IZenzo in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IZenzo Chapter 15 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 8
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 13
Explore More from Izenzo
- IZenzo Chapter 2
- IZenzo Chapter 10
- IZenzo Chapter 19
- IZenzo Chapter 27
- IZenzo Chapter 14
- IZenzo Chapter 12
- IzEnzo Chapter 12