2 KwabaseKorinte Chapter 12

For English

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 12 Online

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 KwabaseKorinte 12

Isahluko 12

1. Ukuqhayisa okunene akundilungele; kuba ndiza kuza kwimibono nezityhilelo zeNkosi.

2. Ndazi umntu okuKristu, ekusekuyiminyaka elishumi elinamine (nokuba ubesemzimbeni na andazi, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), ethe lowo waxwilwa, wada wasiwa nakwelesithathu izulu.

3. Ndiyamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo),

4. okokuba waxwilwa wasiwa eParadisi, weva amazwi angenakuthethwa, ekungavumelekileyo ukuba umntu awathethe.

5. Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa.

6. Kuba xa bendingathi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.

7. Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu.

8. Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum.

9. Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu.

10. Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa sukuba ndiswele amandla, kuxa ndinamandla.

11. Sendisuke ndaba ngoswele ukuqonda ngokuqhayisa; ndinyanzelwe nini. Kuba mna ndibe ndifanele ukuyalezwa nini; kuba andisilelanga nganto kubapostile abo baziincamisa, nakuba ndingento yanto.

12. Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla.

13. Kuba yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla kaThixo, ingekukuba mna ngokwam ndingabanga mthwalo kuni? Ndixoleleni oko kungalungisi.

14. Yabonani, sendilungele ukuza kuni okwesithathu; ndaye ndingayi kuba mthwalo kuni; kuba andifuni zinto zenu, ndifuna nina. Kuba asingabantwana abafanele ukuqwebela abazali, ngabazali abafanele ukuqwebela abantwana.

15. Mna ke, kuya kuba mnandi kakhulu ukuba ndichithe, ndidleke kuphele, ngenxa yemiphefumlo yenu; nakuba okukhona ndinithandayo kakhulu, kokukhona ndithandwa kancinane.

16. Kungade kube kunjalo, mna kambe andibanga mthwalo kuni; mandibe, ndinobuqhetseba nje, ndisuke ndanibambisa ngenkohliso.

17. Kukho mntu na ke kwabo ndabathumayo kuni, endanidlayo ngaye?

18. Ndamyala uTito, ndathuma umzalwana lowo kunye naye. Wanidla na ke uTito? Asihambanga moyeni mnye, yini na? Asihambanga mkhondo mnye, yini na?

19. Niyawaseniba siyaziphendulela kusini na kuni? Sithetha phambi kukaThixo, sikuKristu; sizithetha zonke ke izinto ezo, zintanda, ngenxa yokwakheka kwenu.

20. Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, nam ndifunyanwe nini ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iintlebendwane, iintsebezo, iinkukhumalo, iziphithiphithi;

21. hleze ndithi, ndakufika kunjalo, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi ababesebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.

About 2 KwabaseKorinte Chapter 12

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 KwabaseKorinte
Chapter: 12
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 KwabaseKorinte Chapter 12 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 KwabaseKorinte Chapter 12?

2 KwabaseKorinte Chapter 12 is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 KwabaseKorinte Chapter 12 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-kwabasekorinte

  1. 2 KwabaseKorinte Chapter 10
  2. 2 KwabaseKorinte Chapter 2
  3. 2 KwabaseKorinte Chapter 8
  4. 2 KwabaseKorinte Chapter 4
  5. 2 KwabaseKorinte Chapter 3
  6. 2 KwabaseKorinte Chapter 1
  7. 2 KwabaseKorinte Chapter 13

Explore More from ITestamente Entsha

  1. UMateyu Chapter 10
  2. IsiTyhilelo Chapter 22
  3. ULuka Chapter 12
  4. IZenzo Chapter 25
  5. UYohane Chapter 12
  6. UMateyu Chapter 6
  7. KwabaseKolose Chapter 3

Related Chapters & Readings

  1. IEksodus Chapter 2
  2. UMateyu Chapter 24
  3. ILevitikus Chapter 20
  4. ILevitikus Chapter 12
  5. UHezekile Chapter 12
  6. IEksodus Chapter 27
  7. ILevitikus Chapter 4
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *