2 KwabaseKorinte Chapter 3

For English

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 3 Online

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 KwabaseKorinte 3

Isahluko 3

1. Xa sitshoyo, singaba siyawaqala siziyaleze na? Okanye sifuna, njengabathile, kusini na, iincwadi zokuyalezwa kuni, nokuba zezokuyalezwa nini?

2. Incwadi yethu thina, ebhalwe ezintliziyweni zethu, nini; iyaziwa, ileswa ngabantu bonke;

3. nibonakalalisiwe nje ukuba niyincwadi kaKristu, eyalungiselelwa sithi, engabhalwanga ngainki, ebhalwe ngoMoya kaThixo ophilileyo; kungekhona emacwecweni amatye, kusemacwecweni angawenyama entliziyo.

4. Sinenkoloseko enjalo ke kuThixo ngaye uKristu.

5. Ukutsho andithi, sikulingene ngokwethu ukucamanga nto engathi iphuma kuthi ngokwethu; ukukulingana kwethu oko kuphuma kuThixo,

6. osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi.

7. Ke kaloku, ukuba ulungiselelo olo lubulalayo, lukroliweyo ematyeni ngobhalo, lweza lunobuqaqawuli, ngokude oonyana bakaSirayeli bangabi nakuqwalasela ebusweni bukaMoses, ngenxa yobuqaqawuli bobuso bakhe, ubuqaqawuli ke obebuza kubhanga:

8. lungathini na ulungiselelo lwakhe uMoya, ukungabi nobuqaqawuli ngokugqithiseleyo?

9. Kuba, ukuba ulungiselelo olugwebayo lunobuqaqawuli, kokukhona luya kugqithisela ngobuqaqawuli ulungiselelo lobulungisa.

10. Kuba kwanoko kwenziwe kwaba nobuqaqawuli, akwenziwanga kwaba nobuqaqawuli ngale ndawo, ngenxa ke yobuqaqawuli obu bona bubalaselayo.

11. Kuba xa oko bekuza kubhanga kunobuqaqawuli, kokukhona oku kuhleliyo kunobuqaqawuli.

12. Sinethemba elinjalo nje ke ngoko, kokukhona singafihlisiyo ukuthetha;

13. singaxelisi uMoses, yena wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe, ukuze oonyana bakaSirayeli bangaqwalaseli esiphelweni soko bekuza kubhanga.

14. Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo; kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, nto leyo ke ibhangayo kuKristu.

15. Kusuke kwada kwaba namhlanje, kusithi, xenikweni kuleswa uMoses, kusuke kubekho isigqubuthelo entliziyweni yabo.

16. Ke xenikweni ithe ke yona yabuyela eNkosini sosuswa kuphele isigqubuthelo eso.

17. INkosi ke inguye uMoya; apho ke akhoyo uMoya weNkosi, kubakho inkululeko.

18. Thina ke sonke, sinobuso nje obubhenqwe isigqubuthelo, sibukhangela njengokwasesipilini ubuqaqawuli beNkosi, senziwa similise okwaloo mfanekiselo, sivela ebuqaqawulini sisinge ebuqaqawulini, kwanjengokuvela eNkosini enguMoya.

About 2 KwabaseKorinte Chapter 3

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 KwabaseKorinte
Chapter: 3
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 KwabaseKorinte Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 KwabaseKorinte Chapter 3?

2 KwabaseKorinte Chapter 3 is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 KwabaseKorinte Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-kwabasekorinte

  1. 2 KwabaseKorinte Chapter 10
  2. 2 KwabaseKorinte Chapter 9
  3. 2 KwabaseKorinte Chapter 6
  4. 2 KwabaseKorinte Chapter 2
  5. 2 KwabaseKorinte Chapter 12
  6. 2 KwabaseKorinte Chapter 7
  7. 2 KwabaseKorinte Chapter 4

Explore More from ITestamente Entsha

  1. UYohane Chapter 1
  2. UMarko Chapter 10
  3. KumaHebhere Chapter 4
  4. UMateyu Chapter 23
  5. 1 KaPetros Chapter 5
  6. ULuka Chapter 22
  7. UYohane Chapter 15

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 25
  2. UIsaya Chapter 65
  3. 2 YeziKronike Chapter 9
  4. 1 YeziKronike Chapter 6
  5. IGenesis Chapter 35
  6. 1 KwabaseTesalonika Chapter 2
  7. AbaGwebi Chapter 17
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *