Read 2 KwabaseKorinte Chapter 11 Online
Read 2 KwabaseKorinte Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
2 KwabaseKorinte 11
Isahluko 11
1. Akwaba ningandi nyamezela kancinane ekusweleni kuqonda kwam! Kodwa noko niyandinyamezela.
2. Kuba ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo; kuba ndanendisa ndodeni-nye, ukuze ndinimise phambi koKristu niyintombi enyulu.
3. Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu.
4. Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela.
5. Kuba ndiba andisilele nganto kwabona bapostile baziincamisa.
6. Nakuba ke ndiliyilo ngentetho, andinjalo ngokwazi; sabonakala kuni phakathi kwabo bonke ngeendawo zonke.
7. Ndenza isono na ngokuzithoba, ukuze niphakanyiswe nina, ngokuba ndanishumayezayo ngesisa iindaba ezilungileyo zikaThixo?
8. Amanye amabandla kaThixo ndawabhunyula, ndisamkela umvuzo ukuze ndilungiselele nina.
9. Kanjalo xa ndandikho kuni, ndiswele, andibanga mthwalo mntwini; kuba ukuswela kwam bakwenzelela abazalwana, bakuvela kwelaseMakedoni; ndathi ngeendawo zonke ndazigcina, andaba bunzima kuni, ndisaya kuzigcina nangoku.
10. Ikum nje inyaniso kaKristu, ndithi olo luqhayiso aluyi kuvingcwa mlomo mayela nam, mna, kwimimandla yelaseAkaya.
11. Ngani na ke? Ngokuba ndinganithandi na? Hayi, uThixo uyazi.
12. Endikwenzayo ke ndiya kukwenza, ukuze ndibahluthe ithuba lokujinda abafuna ithuba; ukuze entweni abaqhayisa ngayo, bafunyanwe bekwanjengathi.
13. Kuba abo banjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu.
14. Ke akummangaliso oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya.
15. Akunto inkulu ke ngoko, ukuba abalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa; abasiphelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.
16. Ndibuya ndithi, Makungabikho mntu uba ndingoswele ukuqonda; okanye ke kambe, ndamkeleni njengoswele ukuqonda, ukuze ke ndiqhayise kancinane nam.
17. Oku ndikuthethayo, andikuthethi ngokweNkosi; ndikuthetha ngokoswele ukuqonda, ndinoko kukholosa koqhayiso.
18. Ekubeni bebaninzi ke abaqhayisa ngokwenyama, ndoqhayisa nam.
19. Kuba niyabanyamezela ngovuyo abaswele ukuqonda, niziingqondi nje nina.
20. Kuba kaloku niyanyamezela, ukuba umntu unenza amakhoboka, ukuba umntu uyanidla, ukuba umntu uyanibambisa, ukuba umntu uyaziphakamisa, ukuba umntu uyanibetha ebusweni.
21. Ndithi, ndizihlaza, ngathi sasiswele amandla thina. Entweni ke asukuba umntu enobuganga (ndithetha ndinokuswela ukuqonda), ndinobuganga nam.
22. BangamaHebhere na? Ndinguye nam. BangamaSirayeli na? Ndinguye nam. Bayimbewu ka-Abraham na? Ndiyiyo nam.
23. Bangabalungiseleli bakaKristu na? (Ndithetha nxamnye nengqondo.) Ndithi ndingongaphezulu mna, ngokubulaleka okugqithiseleyo, ngemivumbo egqithe emgceni, ngokuba sezintolongweni ngokugqithiseleyo, ngokuba sekufeni futhi.
24. KumaYuda ndazuza kahlanu imivumbo emashumi mane kwaphuke mnye.
25. Kukathathu ndibethwa ngeentswazi, okunye ndaxulutywa ngamatye, ndaphukelwa ngumkhombe kathathu, ndenze ubusuku nemini enzulwini;
26. ndithi ndingongaphezulu ngokuhamba okufuthi, ngeengozi zemilambo, ngeengozi zezihange, ngeengozi zamakowethu, ngeengozi zeentlanga, ngeengozi phakathi komzi, ngeengozi entlango, ngeengozi elwandle, ngeengozi phakathi kwabazalwana ababuxoki;
27. ngokubulaleka nangemigu, ngokungabi nakulala okufuthi, ngokulamba nokunxanwa, ngokuzila ukudla okufuthi, ngengqele nobuze.
28. Ndingasazibali zona izinto ezingaphandle kwezo, ndingungelwe imihla ngemihla kukuwaxhalela onke amabandla kaThixo.
29. Ngubani na okha aswele amandla, ndingasweli mandla nam? Ngubani na okha akhutyekiswe, ndingatshiseki mna?
30. Ukuba ndimelwe kukuqhayisa, ndoqhayisa ngezinto zokuswela amandla kwam.
31. UThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, ongowokubongwa ngonaphakade, uyazi ukuba andixoki.
32. EDamasko umphathi-luhlanga ka-Areta, ukumkani, wayewulinda umzi waseDamasko, efuna ukundibamba;
33. ndaza ngekroba ndathotywa ngomnyazi eludongeni, ndasinda ezandleni zakhe.
About 2 KwabaseKorinte Chapter 11
Read 2 KwabaseKorinte Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 2 KwabaseKorinte
Chapter: 11
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 2 KwabaseKorinte Chapter 11 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 2 KwabaseKorinte Chapter 11?
2 KwabaseKorinte Chapter 11 is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 2 KwabaseKorinte Chapter 11 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 2-kwabasekorinte
- 2 KwabaseKorinte Chapter 10
- 2 KwabaseKorinte Chapter 8
- 2 KwabaseKorinte Chapter 2
- 2 KwabaseKorinte Chapter 4
- 2 KwabaseKorinte Chapter 3
- 2 KwabaseKorinte Chapter 12
- 2 KwabaseKorinte Chapter 5
Explore More from ITestamente Entsha
- KumaHebhere Chapter 12
- UMateyu Chapter 17
- UYohane Chapter 19
- ULuka Chapter 24
- ULuka Chapter 9
- 2 KaPetros Chapter 2
- UMarko Chapter 13