UMarko Chapter 14

For English

Read UMarko Chapter 14 Online

Read UMarko Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMarko in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMarko and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UMarko 14

Isahluko 14

1. Ke kaloku bekuza kubakho ipasika, izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale.

2. Babesithi ke, Makungabi khona ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge sabantu.

3. Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko.

4. Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo?

5. Kuba la mafutha bekungathengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela.

6. Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenze umsebenzi omhle kum;

7. kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam.

8. Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.

9. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

10. UYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo.

11. Bathi ke bona bakuva bavuya; bambeka ngedinga lokumnika imali. Wayefuna ukuba angathini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo.

12. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Unga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika?

13. Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni.

14. Apho athe wangena khona, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Iphi na indlu yabahambi, apho ndingayidlela khona ipasika nabafundi bam?

15. Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho.

16. Baphuma abafundi bakhe abo, baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika.

17. Uthi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini.

18. Bakubon’ ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam.

19. Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Nomnye wathi, Ingaba ndim, yini na?

20. Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni.

21. UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.

22. Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.

23. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke.

24. Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi.

25. Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.

26. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

27. Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka kum ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu.

28. Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.

29. Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye.

30. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

31. Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke.

32. Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze;

33. athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu.

34. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.

35. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo.

36. Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.

37. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa?

38. Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

39. Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi.

40. Uthe akubuya, wabafumana bebuye balala; kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona.

41. Afike okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle; kwanele; lifikile ilixa; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni.

42. Vukani sihambe; yabonani, lowo undinikelayo usondele.

43. Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu.

44. Ke kaloku, lowo umnikelayo waye ebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqabisile.

45. Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi; wamanga.

46. Bamsa ke isandla, bambamba.

47. Uthe ke omnye wabo babemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.

48. Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange?

49. Bendikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo.

50. Bamshiya bonke, babaleka.

51. Wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ilinen entle emzimbeni; asuka ayibamba ke amadodana.

52. Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo ize.

53. Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, babuthelana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali.

54. Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo.

55. Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani.

56. Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani.

57. Basuka abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi,

58. Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla.

59. Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina.

60. Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe?

61. Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa?

62. Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.

63. Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?

64. Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.

65. Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aye amadindala emtywakraza.

66. Kuthi ke, akubon’ ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu,

67. ambone uPetros esotha, ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete.

68. Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku.

69. Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo.

70. Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros. Inyaniso, ungowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.

71. Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo.

72. Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili inkuku kabini, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.

About UMarko Chapter 14

Read UMarko Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMarko in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UMarko
Chapter: 14
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMarko. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UMarko Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UMarko Chapter 14?

UMarko Chapter 14 is part of the Book of UMarko in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UMarko Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from umarko

  1. UMarko Chapter 5
  2. UMarko Chapter 8
  3. UMarko Chapter 16
  4. UMarko Chapter 2
  5. UMarko Chapter 9
  6. UMarko Chapter 7
  7. UMarko Chapter 10

Related Chapters & Readings

  1. KwabaseRoma Chapter 10
  2. KwabaseRoma Chapter 16
  3. UZekariya Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 2
  5. ILevitikus Chapter 6
  6. UHoseya Chapter 2
  7. UYohane Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *