Read 2 KwabaseKorinte Chapter 6 Online
Read 2 KwabaseKorinte Chapter 6 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
2 KwabaseKorinte 6
Isahluko 6
1. Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningafumane nilwamkele;
2. kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, Ndakusiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:
3. kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala;
4. sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni,
5. sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla,
6. sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,
7. sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,
8. sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle;
9. ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku Sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singabulawa noko;
10. ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.
11. Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi.
12. Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu.
13. Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.
14. Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?
15. Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?
16. Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.
17. Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; Ndandiya kunamkela,
18. Ndibe nguyihlo, Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla.
About 2 KwabaseKorinte Chapter 6
Read 2 KwabaseKorinte Chapter 6 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 2 KwabaseKorinte
Chapter: 6
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 2 KwabaseKorinte Chapter 6 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 2 KwabaseKorinte Chapter 6?
2 KwabaseKorinte Chapter 6 is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 2 KwabaseKorinte Chapter 6 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 2-kwabasekorinte
- 2 KwabaseKorinte Chapter 10
- 2 KwabaseKorinte Chapter 8
- 2 KwabaseKorinte Chapter 2
- 2 KwabaseKorinte Chapter 4
- 2 KwabaseKorinte Chapter 3
- 2 KwabaseKorinte Chapter 13
- 2 KwabaseKorinte Chapter 12
Explore More from ITestamente Entsha
- 2 KuTimoti Chapter 2
- 1 KwabaseKorinte Chapter 10
- UMarko Chapter 6
- IZenzo Chapter 16
- UYohane Chapter 21
- 2 KwabaseKorinte Chapter 1
- KwabaseRoma Chapter 7