UYohane Chapter 15

For English

Read UYohane Chapter 15 Online

Read UYohane Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYohane and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYohane 15

Isahluko 15

1. Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo.

2. Amasebe onke akum angathwali siqhamo, uyawasusa; onke athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo ngakumbi.

3. Nina nisenihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni.

4. Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum.

5. Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.

6. Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.

7. Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe..

8. Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke.

9. Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam.

10. Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam; njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe.

11. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.

12. Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina.

13. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.

14. Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna.

15. Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.

16. Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.

17. Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.

18. Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiye kuqala kunani.

19. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.

20. Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam baligcina, nelenu boligcina.

21. Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.

22. Ukuba bendingezanga ndathetha kubo, ngebengabanga nasono; ngoku abanasikhuselo sesono sabo.

23. Lowo uthiye mna, uthiye noBawo.

24. Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.

25. Kwenzeke ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo, elithi, Bandithiya kungekho sizathu.

26. Kodwa xa athe wafika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, yena wongqina ngam.

27. Nani ke niyangqina, ngokuba beninam kwasekuqaleni.

About UYohane Chapter 15

Read UYohane Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYohane
Chapter: 15
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYohane. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYohane Chapter 15 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYohane Chapter 15?

UYohane Chapter 15 is part of the Book of UYohane in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYohane Chapter 15 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IZenzo Chapter 9
  2. IZenzo Chapter 26
  3. IZenzo Chapter 18
  4. IZenzo Chapter 13
  5. IZenzo Chapter 12
  6. IZenzo Chapter 7
  7. IZenzo Chapter 8

Explore More from uyohane

  1. UYohane Chapter 18
  2. UYohane Chapter 21
  3. UYohane Chapter 14
  4. UYohane Chapter 5
  5. UYohane Chapter 9
  6. UYohane Chapter 3
  7. UYohane Chapter 6

Related Chapters & Readings

  1. UNehemiya Chapter 7
  2. 1 KwabaseTesalonika Chapter 2
  3. IsiTyhilelo Chapter 17
  4. UHoseya Chapter 2
  5. ImiZekeliso Chapter 23
  6. IsiTyhilelo Chapter 5
  7. UIsaya Chapter 17
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *