UYeremiya Chapter 15

For English

Read UYeremiya Chapter 15 Online

Read UYeremiya Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYeremiya 15

Isahluko 15

1. Wathi ke uYehova kum, Kungafanelana kumi ooMoses noSamuweli phambi kwam, umphefumlo wam ubungebheki kwaba bantu. Bagxothe ebusweni bam, baphume.

2. Kuya kuthi, xa bathe kuwe, Siphume siye ngaphi na? uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Abokufa bafe; abekrele babe ngabekrele; abendlala babe ngabendlala; abokuthinjwa bathinjwe.

3. Ndobavelela ngeentlobo ezine, utsho uYehova: ikrele, ukuba libulale; izinja, ukuba zirhwiqilize; iintaka zezulu nezilo zomhlaba, ukuba zidle, ukuba zonakalise.

4. Ndobanikela kwizikumkani zonke zehlabathi ukuba babe yinto yokunqakulwa, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.

5. Ewe, ngubani na oya kuba nofefe kuwe, Yerusalem? ngubani na oya kukukhuza? ngubani na oya kuphambuka, abuze ukuphila kwakho?

6. Wena undilahlile, utsho uYehova, ubuye umva; ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikonakalise; ndidiniwe kukuzohlwaya.

7. Ndiyabachithachitha ngexhayi emasangweni elizwe, ndibahluthe abantwana abantu bam, ndibatshabalalise, bengabuyi nje ezindleleni zabo.

8. Abahlolokazi babo baziimfidi kum kunentlabathi yolwandle; ndizisa kubo phezu konina wamadodana umbhuqi emini enkulu; ndibawisela ngesiquphe inimba nokukhwankqiswa.

9. Uyantshwenya ozele abasixhenxe, uphuma umphefumlo; liyatshona ilanga lakhe kusesemini; udanile, uneentloni; namasalela abo ndiwanikela ekreleni phambi kweentshaba zabo; utsho uYehova.

10. Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.

11. UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.

12. Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?

13. Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke;

14. ndibuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwe umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.

15. Wena, Yehova, uyazi, Ndikhumbule, undivelele, undiphindezelele kubasukeli bam; ekuzekeni kade komsindo wakho ungandikhukulisi; yazi ukuba ndithwele ihlazo ngenxa yakho.

16. Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum aba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi.

17. Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma.

18. Yini na ukuba umvandedwa wam uhlale uhleli, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Wohla ube ngumlambo okhohlisayo na kum, omanzi angahlaliyo na?

19. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe wabuya, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; ukuba uthe wakhupha okunqabileyo kokungeni, woba njengomlomo wam; abo baya kubuyela kuwe; ke wena akuyi kubuyela kubo.

20. Ndiya kukwenza udonga lobhedu olunqatyisiweyo kwaba bantu, balwe nawe, bangabi nakukuthini; ngokuba ndinawe, ukuze ndikusindise mna, ndikuhlangule; utsho uYehova.

21. Ndiya kukuhlangula esandleni sabangendawo, ndikukhulule ekubambeni kwabangcangcazelisayo.

About UYeremiya Chapter 15

Read UYeremiya Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYeremiya
Chapter: 15
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYeremiya Chapter 15 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYeremiya Chapter 15?

UYeremiya Chapter 15 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 15 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from Uyeremiya

  1. UYeremiya Chapter 30
  2. UYeremiya Chapter 18
  3. UYeremiya Chapter 5
  4. UYeremiya Chapter 22
  5. UYeremiya Chapter 39
  6. UYeremiya Chapter 34
  7. UYeremiya Chapter 9

Related Chapters & Readings

  1. 2 YeziKronike Chapter 31
  2. UIsaya Chapter 13
  3. UHezekile Chapter 14
  4. 1 KaSamuweli Chapter 27
  5. UYobhi Chapter 29
  6. IDuteronomi Chapter 2
  7. UMarko Chapter 8
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *