IDuteronomi Chapter 10

For English

Read IDuteronomi Chapter 10 Online

Read IDuteronomi Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IDuteronomi 10

Isahluko 10

1. Ngelo xesha wathi uYehova kum, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, unyuke uze kum entabeni, uzenzele ityeya yomthi;

2. ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abekwawokuqala amacwecwe, lawo wawaqhekezayo; uwabeke etyeyeni.

3. Ndenza ke ityeya ngomngampunzi, ndaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala; ndenyuka ndaya entabeni, ndinawo amacwecwe amabini esandleni sam.

4. Wawabhala ke emacwecweni ngokombhalo wokuqala amazwi alishumi, abewathethile uYehova kuni entabeni, phakathi komlilo, ngomhla wesikhungu; uYehova wandinika wona.

5. Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.

6. Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.

7. Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi.

8. Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla.

9. Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.

10. Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.

11. Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu, bangene balime ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.

12. Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;

13. ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulunge kuwe?

14. Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.

15. UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande; wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.

16. Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni.

17. Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo;

18. ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo.

19. Mthandeni owasemzini; kuba nibe ningabasemzini ezweni laseYiputa.

20. Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze, unamathele kuye, ufunge igama lakhe.

21. Yindumiso yakho, nguThixo wakho, okwenzele ezi zinto zinkulu zoyikekayo, azibonileyo amehlo akho.

22. Behla beyimiphefumlo emashumi asixhenxe ooyihlo ukuya eYiputa; ke ngoku uYehova, uThixo wakho, unenze nanjengeenkwenkwezi zezulu, ukuba baninzi kwenu.

About IDuteronomi Chapter 10

Read IDuteronomi Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IDuteronomi
Chapter: 10
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IDuteronomi Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IDuteronomi Chapter 10?

IDuteronomi Chapter 10 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iduteronomi

  1. IDuteronomi Chapter 2
  2. IDuteronomi Chapter 1
  3. IDuteronomi Chapter 18
  4. IDuteronomi Chapter 8
  5. IDuteronomi Chapter 32
  6. IDuteronomi Chapter 17
  7. IDuteronomi Chapter 5

Explore More from ITestamente Endala

  1. UEstere Chapter 9
  2. UYeremiya Chapter 49
  3. IGenesis Chapter 30
  4. IDuteronomi Chapter 5
  5. UHezekile Chapter 7
  6. 2 YeziKronike Chapter 16
  7. IiNdumiso Chapter 21

Related Chapters & Readings

  1. UIsaya Chapter 25
  2. IziLilo Chapter 3
  3. KwabaseFilipi Chapter 2
  4. IDuteronomi Chapter 5
  5. 2 YeziKronike Chapter 21
  6. UIsaya Chapter 22
  7. 2 KwabaseKorinte Chapter 12
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *