Read UYeremiya Chapter 29 Online
Read UYeremiya Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYeremiya 29
Isahluko 29
1. Ngawo la amazwi encwadi awayithumelayo uYeremiya umprofeti, eseYerusalem, kumasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nakubabingeleli, nakubaprofeti, nakubantu bonke, awayebafudusile eYerusalem uNebhukadenetsare, wabasa eBhabheli
2. (emva kokuphuma kukaYekoniya ukumkani, nenkosikazi, namagosa, nabathetheli bakwaYuda neYerusalem, neengcibi, nabakhandi eYerusalem);
3. awayithumelayo ngesandla sikaElasa unyana kaShafan, noGemariya unyana kaHilekiya (awabathumelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eBhabheli), isithi:
4. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, kwabafudusiweyo bonke, endibafuduse eYerusalem, ukuba basiwe eBhabheli, ukuthi,
5. Yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.
6. Zekani abafazi, nizale oonyana neentombi, nibazekele abafazi oonyana benu, iintombi zenu nizendisele kumadoda, zizale oonyana neentombi, nande khona, ninganciphi.
7. Nize nizamele uxolo lomzi endinifudusele kuwo, niwuthandazele kuYehova; ngokuba niya kuba noxolo ngoxolo lwawo.
8. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mabanganilukuhli abaprofeti benu abaphakathi kwenu, kwanabavumisi benu, ningawaphulaphuli amaphupha enu eniwaphuphayo.
9. Ngokuba baniprofetela ubuxoki egameni lam; andibathumanga; utsho uYehova.
10. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Xenikweni iBhabheli izaliselwe iminyaka emashumi asixhenxe, ndiya kunivelela, ndilimise kuni ilizwi lam elilungileyo, lokunibuyisela kule ndawo.
11. Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininike ikamva nethemba.
12. Niya kundinqula, nize nithandaze kum, ndiniphulaphule.
13. Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke;
14. ndifumaneke kuni; utsho uYehova. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanigxothela kuzo, utsho uYehova;
15. ndinibuyisele endaweni endanifudusa kuyo, xa nithi, UYehova usivelisele abaprofeti eBhabheli.
16. Inene, utsho uYehova ngokusingisele kukumkani ohleli etroneni kaDavide, nakubantu bonke abahleli kulo mzi, abazalwana benu, abangaphumanga baye nani ekufudusweni:
17. utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, ndibenze babe njengamakhiwane akruqulayo, angenakudliwa ngokuba mabi kwawo.
18. Ndiya kubasukela ngekrele nangendlala nangendyikitya yokufa, ndibanikele ukuba babe yinto yokunqakulisa kwizikumkani zonke zehlabathi, babe yintshwabulo, nommangaliso, nomsondlo, nesingcikivo, ezintlangeni zonke endabagxothela kuzo;
19. ngethuba lokuba bengawaphulaphulanga amazwi am, utsho uYehova, endawathumela kuni ngabakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa; anivanga noko; utsho uYehova.
20. Liveni ke ilizwi likaYehova, nina nonke bafudusiweyo, ndabasusayo eYerusalem, baya eBhabheli.
21. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kuAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam, ukuthi, Yabonani, ndibanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababulale emehlweni enu;
22. kuzekelwe kubo ukutshabhisa ngabafudusiweyo bonke bakwaYuda abaseBhabheli, kuthiwe, UYehova makakwenze ube njengoZedekiya, nanjengoAhabhi, awabachanabayo emlilweni ukumkani waseBhabheli;
23. ngenxa yokuba benze ubudenge kwaSirayeli, babakrexeza abafazi babamelwane babo, bathetha amazwi obuxoki egameni lam, endingabawiselanga methetho ngawo. Ndiyazi mna, ndilingqina, utsho uYehova.
24. Ngokusingisele kuShemaya waseNehelam wothetha, uthi,
25. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba wena uthumele incwadi egameni lakho kubantu bonke abaseYerusalem, nakuZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, nakubabingeleli bonke, usithi,
26. UYehova ukwenze umbingeleli esikhundleni sikaYoyada umbingeleli, ukuze kubekho abaveleli endlwini kaYehova ngenxa kabani wonke obhudayo, ozenza umprofeti, ukuba umfake esitokisini nasentanjeni.
27. Yini na ngoku, ukuba ungamkhalimeli uYeremiya waseAnatoti, ozenza umprofeti kuni?
28. Ngokuba ngenxa yoko uthumele kuthi eBhabheli, esithi, Inde le nto; yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.
29. UZefaniya umbingeleli wayilesa loo ncwadi ezindlebeni zikaYeremiya umprofeti.
30. Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi.
31. Thumela kubo bonke abafudusiweyo, uthi, Utsho uYehova ngokusingisele kuShemaya waseNehelam, ukuthi, Ngenxa enokuba uShemaya eniprofetele, ndingamthumanga mna, wanikholosisa ngobuxoki:
32. ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela uShemaya waseNehelam nembewu yakhe; akayi kuba namntu uhleliyo phakathi kwaba bantu; angayi kubona okulungileyo endikwenzela abantu bam, utsho uYehova; ngokuba ethethe elokukreqa kuYehova.
About UYeremiya Chapter 29
Read UYeremiya Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYeremiya
Chapter: 29
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYeremiya Chapter 29 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYeremiya Chapter 29?
UYeremiya Chapter 29 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 29 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from Uyeremiya
- UYeremiya Chapter 16
- UYeremiya Chapter 11
- UYeremiya Chapter 51
- UYeremiya Chapter 28
- UYeremiya Chapter 25
- UYeremiya Chapter 21
- UYeremiya Chapter 20