Read UYeremiya Chapter 3 Online
Read UYeremiya Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYeremiya 3
Isahluko 3
1. Kuthiwa, Ukuba ithe indoda yamgxotha umkayo, wemka kuyo, waba ngowandoda yimbi, inokumbuyela na? Alingebi lihlanjelwe na elo lizwe? Wena ke uhenyuzile nezithandane ezininzi; unokubuyela na ke kum? utsho uYehova.
2. Phosa amehlo akho eluqayini ubone; kuphi na apho ungalalwanga khona? Wabahlalela ngasezindleleni, njengomArabhi entlango; walihlambela ilizwe ngokuhenyuza kwakho, nangezinto zakho ezimbi.
3. Yathintelwa ke imikhumezelo, ayeza nemvula evuthisayo; usuke wanebunzi lehenyukazi, akwavuma ukuba neentloni.
4. Akuyi kuthi na ngoku undibize, uthi, Bawo, ulikholwane lobutsha bam?
5. Uya kuba nenqala ngonaphakade na, ahlale ewugcinile na umsindo? Yabona, uthetha njalonje, wenza ububi, ubufezile.
6. Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ukubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona.
7. Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakubona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.
8. Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinika incwadi yokwahlukana nalo, lisuke noko ingininginikazi uYuda, udade walo aloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.
9. Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.
10. Nakuko konke oko, alabuyela kum ingininginikazi, udade walo uYuda, ngentliziyo yonke; kwaba ngokuxoka; utsho uYehova.
11. Wathi uYehova kum, Iphambakazi uSirayeli lizigwebele ngokwalo, ngaphezu kwengininginikazi uYuda.
12. Yiya umemeze la mazwi entla, uthi, Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova; andiyi kuba nanqala ngonaphakade.
13. Buvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.
14. Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;
15. ndininike abalusi abangantliziyo yam, banaluse ngokwazi nangengqiqo.
16. Kothi, xa nithe nanda naqhama ezweni ngaloo mihla, utsho uYehova, bangabi sathi, Ityeya yomnqophiso kaYehova; ingathi qatha entliziyweni; ingakhunjulwa ngabo, ingafuneki, ingabuye yenziwe.
17. Ngelo xesha iYerusalem kuya kuthiwa yitrone kaYehova, zixhontelane khona zonke iintlanga ngenxa yegama likaYehova eliseYerusalem; zingabi salandela ubungqola bentliziyo yazo embi.
18. Ngaloo mihla iya kuhamba indlu yakwaYuda kunye nendlu yakwaSirayeli, bavele kunye ezweni lasentla, beze ezweni endabanikayo ooyise laba lilifa.
19. Ndathi mna, Azi ndingathini na ukukumisa phakathi koonyana, ndikunike ilizwe elinqwenelekayo, ilifa eliligugu lawo amagugu eentlanga? Ndathi, Niya kundibiza ngokuthi, Bawo; ningabuyi ekundilandeleni.
20. Inyaniso, njengoko umfazi atshinizayo kuwabo, nitshinizile ngokunjalo kum, nina ndlu kaSirayeli; utsho uYehova.
21. Livakele izwi eluqayini, isililo sokutarhuzisa soonyana bakaSirayeli; ngokuba bebezigwenxile iindlela zabo, bamlibala uYehova uThixo wabo.
22. Buyani, nyana bangamaphamba; ndokuphilisa ukuphamba kwenu. Uyabona, siza kuwe; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wethu.
23. Inyaniso, yaba bubuxoki ingxokozelo yasezindulini, yasezintabeni; inyaniso, lukuYehova uThixo wethu usindiso lukaSirayeli.
24. Isikizi liyidlile indyebo yoobawo kwasebuncinaneni bethu: impahla yabo emfutshane neenkomo zabo, oonyana babo neentombi zabo.
25. Masilale esikizini lethu, lisigubungele ihlazo lethu; ngokuba kuYehova uThixo wethu sonile, thina noobawo, kwasebuncinaneni bethu, unanamhla; asaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu.
About UYeremiya Chapter 3
Read UYeremiya Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYeremiya
Chapter: 3
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYeremiya Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYeremiya Chapter 3?
UYeremiya Chapter 3 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from Uyeremiya
- UYeremiya Chapter 39
- UYeremiya Chapter 19
- UYeremiya Chapter 10
- UYeremiya Chapter 32
- UYeremiya Chapter 48
- UYeremiya Chapter 38
- UYeremiya Chapter 35