Read UIsaya Chapter 13 Online
Read UIsaya Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UIsaya and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UIsaya 13
Isahluko 13
1. Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi.
2. Nyusani ibhanile phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene.
3. Mna ndibawisele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi.
4. Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zihlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe.
5. Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu-nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke.
6. Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla.
7. Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile.
8. Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye.
9. Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilenze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.
10. Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo.
11. Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi;
12. ndiwenze amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire.
13. Ngenxa yoko ndiya kuligungqisa izulu, nehlabathi linyikime, lishenxe endaweni yalo ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi, ngemini yokuvutha komsindo wakhe;
14. bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo.
15. Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlanza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele.
16. Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo.
17. Yabona, ndibaxhoxhela amaMedi angayibekiyo isilivere, angayinanzileyo negolide.
18. Izaphetha zawo ziya kukhahlela amadodana, nesiqhamo sesizalo angabi namfesane siso; iliso lawo lingabi nanceba kubo abantwana.
19. IBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, isihombo sekratshi lamaKaledi, iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora.
20. Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti.
21. Obutha khona amarhamncwa omqwebedu, zizale izindlu zabo zizihuluhulu, kuhlale iinciniba khona, kuqakathe izinto ezimaxhonti khona;
22. kulile amaxhwili ezingxandeni zabo ezinde, neempungutye emabhotweni okuxhamla ubuncwane; kusondele ukuza kwexesha layo, nemini yayo ingalibali.
About UIsaya Chapter 13
Read UIsaya Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UIsaya
Chapter: 13
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UIsaya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UIsaya Chapter 13 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UIsaya Chapter 13?
UIsaya Chapter 13 is part of the Book of UIsaya in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UIsaya Chapter 13 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uisaya
- UIsaya Chapter 19
- UIsaya Chapter 39
- UIsaya Chapter 62
- UIsaya Chapter 11
- UIsaya Chapter 29
- UIsaya Chapter 35
- UIsaya Chapter 53