Read 1 YeziKronike Chapter 28 Online
Read 1 YeziKronike Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YeziKronike and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 YeziKronike 28
Isahluko 28
1. UDavide wababizela ndawonye bonke abathetheli bamaSirayeli, abathetheli bezizwe nabathetheli bamaqela ngamaqela abalungiselela ukumkani nabathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu, namagosa empahla yonke, nabemfuyo yokumkani neyoonyana bakhe, kunye nababusi namagorha, nento yonke eligorha elinobukroti, ukuba beze eYerusalem.
2. Wesuka wema ngeenyawo uDavide ukumkani, wathi: Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam. Mna, kwaye kusentliziyweni yam ukuyakhela indlu yokuhlala ityeya yomnqophiso kaYehova, isihlalo seenyawo zikaThixo wethu, ndalungisela ukwakha;
3. koko uThixo wathi kum, Uze ungalakheli ndlu igama lam, ngokuba uyindoda yemfazwe, uphalaze igazi elininzi.
4. Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade; ngokuba unyule uYuda ukuba abe yinganga, endlwini kaYuda unyule indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwe ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.
5. Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyule uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.
6. Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;
7. ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba uthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.
8. Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilime eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.
9. Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.
10. Uze ulumke ke; ngokuba uYehova ukunyule ukuba wakhe indlu ibe yeyengcwele. Yomelela uyenze.
11. UDavide wamnika uSolomon unyana wakhe isilinganiso sevaranda, nesezindlu zayo, nesoovimba bayo, nesamagumbi ayo aphezulu, nesamagumbi ayo aphakathi, nesendlu yokucamagusha;
12. nesilinganiso seento zonke abenazo engcingeni yakhe: eseentendelezo zendlu kaYehova, nesamagumbi onke ngeenxa zonke, nesamagumbi obuncwane bendlu kaThixo, awobuncwane bezinto ezingcwele;
13. nesamaqela ababingeleli nabaLevi, nesomsebenzi wonke wenkonzo yendlu kaYehova, neseempahla zonke zenkonzo yendlu kaYehova;
14. nesezinto zegolide, ngokobunzima begolide yeempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo; neseempahla zonke zesilivere, ngokobunzima beempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo;
15. nobunzima beziphatho zezibane zegolide, nobezibane zazo zegolide, ngokobunzima besiphatho ngesiphatho, nobezibane zazo; nobeziphatho zesilivere ngokobunzima besiphatho, nobezibane zazo, ngokwenkonzo yesiphatho ngesiphatho sezibane;
16. negolide ngokobunzima beetafile zokucwangcisa izonka, betafile ngetafile, nesilivere yeetafile zesilivere.
17. Wamnika nesilinganiso seefolokhwe, nesezitya zokutshiza, neseendebe zegolide ecocekileyo; neseendebe zegolide, ngokobunzima bendebe ngendebe neseendebe zesilivere ngokobunzima bendebe ngendebe;
18. nesesibingelelo sesiqhumiselo segolide ehluziweyo, ngokobunzima; nesilinganiso senqwelo, seekerubhi zegolide, ezolula amaphiko azo, zisithelisa ityeya yomnqophiso kaYehova.
19. Yonke loo nto, watsho uDavide, yonke imisebenzi yokulinganisa undiqondisile ngokubhala okuvela esandleni sikaYehova, seza phezu kwam.
20. Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.
21. Nanga ke amaqela ababingeleli, nawabaLevi bomsebenzi wonke wendlu kaThixo. Banawe kuwo wonke umsebenzi, bonke abaya kubunika ngokuqhutywa yintliziyo ubulumko bomsebenzi wonke; nabathetheli nabantu bonke bowaphulaphula amazwi akho onke.
About 1 YeziKronike Chapter 28
Read 1 YeziKronike Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 YeziKronike
Chapter: 28
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 YeziKronike Chapter 28 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 YeziKronike Chapter 28?
1 YeziKronike Chapter 28 is part of the Book of 1 YeziKronike in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 YeziKronike Chapter 28 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-yezikronike
- 1 YeziKronike Chapter 1
- 1 YeziKronike Chapter 19
- 1 YeziKronike Chapter 29
- 1 YeziKronike Chapter 26
- 1 YeziKronike Chapter 25
- 1 YeziKronike Chapter 22
- 1 YeziKronike Chapter 20
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 26
- INumeri Chapter 2
- 1 YooKumkani Chapter 14
- UAmos Chapter 3
- IGenesis Chapter 43
- UYeremiya Chapter 24
- UYeremiya Chapter 1