Read ImiZekeliso Chapter 4 Online
Read ImiZekeliso Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ImiZekeliso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
ImiZekeliso 4
Isahluko 4
1. Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda.
2. Kuba ndininika imfundiso elungileyo; Musani ukuwushiya umyalelo wam.
3. Kuba ndandingunyana kubawo, Ndithambile, ndimnye phambi koma.
4. Wandiyala ke, wathi kum, Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am; Gcina imithetho yam, uphile,
5. Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungathi gu bucala entethweni yomlomo wam.
6. Musa ukubushiya, bokugcina; Buthande, bokulondoloza.
7. Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.
8. Bunonelele, bokuphakamisa; Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.
9. Boyinika intloko yakho isangqawe esihle, Bokupha isithsaba sokuhomba.
10. Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam, Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi.
11. Ndikuyalele indlela yobulumko, Ndikunyathelise emkhondweni wokuthe tye.
12. Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho; Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka.
13. Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.
14. Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi.
15. Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe.
16. Kuba abalali, ukuba abathanga benze ububi; Bemkelwa bubuthongo ukuba abathanga bakhubekise abanye.
17. Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo.
18. Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.
19. Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Abayazi into abakhubeka kuyo.
20. Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho.
21. Mayingemki emehlweni akho; Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi.
22. Kuba ibubomi kwabayifumanayo, Nempiliso enyameni yabo yonke.
23. Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; Kuba aphuma kuyo amathende obomi.
24. Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe.
25. Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho.
26. Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke.
27. Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi.
About ImiZekeliso Chapter 4
Read ImiZekeliso Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: ImiZekeliso
Chapter: 4
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading ImiZekeliso Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is ImiZekeliso Chapter 4?
ImiZekeliso Chapter 4 is part of the Book of ImiZekeliso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete ImiZekeliso Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from imizekeliso
- ImiZekeliso Chapter 20
- ImiZekeliso Chapter 19
- ImiZekeliso Chapter 10
- ImiZekeliso Chapter 23
- ImiZekeliso Chapter 14
- ImiZekeliso Chapter 31
- ImiZekeliso Chapter 30
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 83
- 2 YooKumkani Chapter 16
- 2 KaSamuweli Chapter 15
- ImiZekeliso Chapter 14
- 1 YooKumkani Chapter 11
- 2 YeziKronike Chapter 26
- IiNdumiso Chapter 129