Read INumeri Chapter 12 Online
Read INumeri Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of INumeri and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
INumeri 12
Isahluko 12
1. Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile: ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi.
2. Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na? Weva uYehova.
3. Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.
4. Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu.
5. Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini.
6. Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni.
7. Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke.
8. Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; asikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?
9. Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena.
10. Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa.
11. Wathi uAron kuMoses, Tarhu, nkosi yam; musa ukusibeka tyala ngesono esisenzileyo ngokumatha, sonangaso.
12. Makangaseleba njengofileyo, othi ekuphumeni kwakhe esizalweni sonina abe seledlekile isiqingatha senyama yakhe.
13. Wakhala uMoses kuYehova, esithi, Thixo, ndiyakukhunga, khawumphilise.
14. Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise ubetshice ukutshica oku ebusweni bakhe, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe? Makavalelwe imihla ibe sixhenxe ngaphandle kweminquba, emveni koko amkelwe.
15. Wavalelwa ke uMiriyam ngaphandle kweminquba imihla esixhenxe. Abanduluka abantu, wada wamkelwa uMiriyam.
16. Emveni koko banduluka abantu eHatseroti, bamisa entlango yaseParan.
About INumeri Chapter 12
Read INumeri Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: INumeri
Chapter: 12
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading INumeri. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading INumeri Chapter 12 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is INumeri Chapter 12?
INumeri Chapter 12 is part of the Book of INumeri in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete INumeri Chapter 12 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from inumeri
- INumeri Chapter 34
- INumeri Chapter 35
- INumeri Chapter 11
- INumeri Chapter 10
- INumeri Chapter 3
- INumeri Chapter 15
- INumeri Chapter 13
Explore More from ITestamente Endala
- ILevitikus Chapter 26
- IGenesis Chapter 24
- IiNdumiso Chapter 63
- UZefaniya Chapter 1
- AbaGwebi Chapter 4
- ILevitikus Chapter 9
- UIsaya Chapter 42