IDuteronomi Chapter 18

For English

Read IDuteronomi Chapter 18 Online

Read IDuteronomi Chapter 18 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

IDuteronomi 18

Isahluko 18

1. Ababingeleli, abaLevi, sonke isizwe sabaLevi, mabangabi nasabelo nalifa kunye namaSirayeli; bodla ukudla kwasemlilweni ke kukaYehova, nelifa lakhe.

2. Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo; nguYehova ilifa labo, njengoko wathethayo kubo.

3. Soba sesi ke isilunga sababingeleli, esiphuma ebantwini, esiphuma kwababingelela imibingelelo, nokuba yinkomo, nokuba yigusha: bomnika umbingeleli umkhono, nemihlathi, neswili.

4. Womnika ulibo lwengqolowa yakho, nolwewayini yakho entsha, nolweoli yakho; noboya bokuqala bomchebo wempahla yakho emfutshane.

5. Ngokuba uYehova uThixo wakho wamnyula ezizweni zakho zonke, ukuba eme alungiselele egameni likaYehova, yena noonyana bakhe, yonke imihla.

6. Xa athe weza umLevi ephuma nakuliphi isango emasangweni akho, kuwo onke amaSirayeli, apho aphambukele khona, weza ngokunqwena konke komphefumlo wakhe kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova,

7. walungiselela egameni likaYehova uThixo wakhe, njengabazalwana bakhe bonke abaLevi, abamiyo khona phambi koYehova:

8. wodla isabelo njengabanye; ibe yodwa yona intengiso yakhe ngezinto zezindlu zooyise.

9. Xa uthe wafika kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uze ungafundi ukwenza amasikizi ezo ntlanga.

10. Maze kungafunyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo,

11. nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo.

12. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto; kungenxa yaloo masikizi, le nto uYehova uThixo wakho azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.

13. Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.

14. Kuba ezintlanga uzigqogqayo zaphulaphula amatola nabavumisi; ke wena akakunikanga okunjalo uYehova uThixo wakho.

15. UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti ophuma phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam: ize niphulaphule yena;

16. njengako konke owakucelayo kuYehova uThixo wakho, eHorebhe ngomhla wesikhungu, usithi, Mandingaphindi ndilive ilizwi likaYehova uThixo wam, nalo mlilo mkhulu mandingabi sawubona, ukuze ndingafi.

17. Wathi ke uYehova kum, balungisile ukutsho;

18. ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe; ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.

19. Kothi ke, kulowo uthe akaliphulaphula ilizwi lam, aya kulithetha egameni lam, mna ndiyibuze loo nto kuloo mntu.

20. Kodwa umprofeti yena othe wakhukhumala, wathetha ilizwi egameni lam, endingamwiselanga mthetho ukuba alithethe, nothe wathetha egameni lathixo bambi: loo mprofeti makafe.

21. Xa ke uthe entliziyweni yakho, Sothini na ukulazi ilizwi angalithethanga uYehova?

22. ilizwi, athe walithetha umprofeti egameni likaYehova, alabakho, alehla: lelo ilizwi angalithethanga uYehova. Uthethe ngokukhukhumala umprofeti lowo; uze unganxunguphaliswa nguye.

About IDuteronomi Chapter 18

Read IDuteronomi Chapter 18 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IDuteronomi
Chapter: 18
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IDuteronomi Chapter 18 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IDuteronomi Chapter 18?

IDuteronomi Chapter 18 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 18 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iduteronomi

  1. IDuteronomi Chapter 1
  2. IDuteronomi Chapter 17
  3. IDuteronomi Chapter 2
  4. IDuteronomi Chapter 33
  5. IDuteronomi Chapter 34
  6. IDuteronomi Chapter 28
  7. IDuteronomi Chapter 19

Explore More from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 75
  2. UIsaya Chapter 48
  3. IiNdumiso Chapter 112
  4. IiNdumiso Chapter 101
  5. IEksodus Chapter 30
  6. 1 YeziKronike Chapter 8
  7. IDuteronomi Chapter 5

Related Chapters & Readings

  1. KwabaseKolose Chapter 4
  2. AbaGwebi Chapter 5
  3. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 11
  4. IiNdumiso Chapter 101
  5. IiNdumiso Chapter 11
  6. IiNdumiso Chapter 118
  7. UHezekile Chapter 15
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *