UDaniyeli Chapter 12

For English

Read UDaniyeli Chapter 12 Online

Read UDaniyeli Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UDaniyeli in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UDaniyeli and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UDaniyeli 12

Isahluko 12

1. Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini.

2. Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade.

3. Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.

4. Wena ke, Daniyeli, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela. Baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi.

5. Mna, Daniyeli, ndabona: nabo abanye ababini bemi, omnye nganeno ngaseludinini lomlambo, omnye ngaphesheya ngaseludinini lomlambo.

6. Wathi omnye kwindoda leyo yambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, Koda kube nini na, ukuphela kwezi zinto zibalulekileyo?

7. Ndeva indoda eyambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, yasiphakamisela ezulwini isandla sayo sokunene nesokhohlo sayo, yafunga ohleli ngonaphakade, isithi, Kuya kusa exesheni, emaxesheni amabini amisiweyo, nasesiqingatheni sexesha; kwakupheliswa ukuhlekezwa kwamandla abantu abangcwele, ziya kupheliswa zonke ezo zinto.

8. Mna ke ndeva, andaqonda; ndathi, Nkosi yam, yiyiphi na eyokuphela kwezi zinto?

9. Yathi, Hamba, Daniyeli, kuba amazwi aya kuvalelwa, atywinwe kude kube lixesha lokuphela.

10. Abaninzi baya kuzenza nyulu, bazenze mhlophe, banyibilikiswe; ke abangendawo baya kwenza okungendawo. Abangendawo bonke abayi kukuqonda oko, kodwa abanengqiqo baya kukuqonda.

11. Kususela kwelo xesha kwasuswayo inkonzo yamaxesha onke, ukuze zimiswe izinto ezinezothe eziphanzisayo, ziintsuku eziliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci asithoba.

12. Unoyolo olinde wafika kwiintsuku eziliwaka, elinamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesihlanu.

13. Wena ke, hamba uye ekupheleni. Uya kuphumla, uvuke, uye eqashisweni lakho ekupheleni kwemihla.

About UDaniyeli Chapter 12

Read UDaniyeli Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UDaniyeli in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UDaniyeli
Chapter: 12
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UDaniyeli. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UDaniyeli Chapter 12 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UDaniyeli Chapter 12?

UDaniyeli Chapter 12 is part of the Book of UDaniyeli in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UDaniyeli Chapter 12 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
  7. IEksodus Chapter 1

Explore More from udaniyeli

  1. UDaniyeli Chapter 5
  2. UDaniyeli Chapter 3
  3. UDaniyeli Chapter 1
  4. UDaniyeli Chapter 4
  5. UDaniyeli Chapter 7
  6. UDaniyeli Chapter 6
  7. UDaniyeli Chapter 10

Related Chapters & Readings

  1. IZenzo Chapter 13
  2. INumeri Chapter 1
  3. ImiZekeliso Chapter 13
  4. UIsaya Chapter 28
  5. ImiZekeliso Chapter 28
  6. UMateyu Chapter 18
  7. 2 YooKumkani Chapter 25
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *