KwabaseEfese Chapter 3

For English

Read KwabaseEfese Chapter 3 Online

Read KwabaseEfese Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseEfese in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KwabaseEfese and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

KwabaseEfese 3

Isahluko 3

1. Ngenxa yoko, mna Pawulos, mbanjwa kaKristu Yesu ngenxa yenu zintlanga—

2. ukuba ke nikuvile ukugosisa kobabalo lukaThixo endanibabalelwa ngalo;

3. okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo, njengoko sendibhale kade ngokufutshane;

4. enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa okwam ukuyiqonda imfihlelo kaKristu;

5. ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;

6. eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, sikuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo,

7. endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe.

8. Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;

9. ndibakhanyisele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;

10. ukuze ngoku oozilawuli noomagunya, abakwezasemazulwini iindawo, babaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi,

11. ngokokwengqibo yakhe yasemaphakadeni, awayenzayo kuKristu Yesu, iNkosi yethu;

12. esinako sikuye ukungafihlisi kwethu, nokungeniswa kuye sikholosile, ngokukholwa kuye.

13. Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu.

14. Ngenxa yoko ndiyawagoba amadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu,

15. ebizwe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni,

16. ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi;

17. ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziyweni zenu, nendele nisekelwe eluthandweni,

18. ukuze nithi, ndawonye nabo bonke abangcwele, nibe nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo,

19. kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi; ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.

20. Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu,

21. kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.

About KwabaseEfese Chapter 3

Read KwabaseEfese Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseEfese in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KwabaseEfese
Chapter: 3
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KwabaseEfese. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KwabaseEfese Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KwabaseEfese Chapter 3?

KwabaseEfese Chapter 3 is part of the Book of KwabaseEfese in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KwabaseEfese Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IZenzo Chapter 9
  2. IZenzo Chapter 26
  3. IZenzo Chapter 13
  4. IZenzo Chapter 7
  5. IZenzo Chapter 12
  6. IZenzo Chapter 8
  7. IZenzo Chapter 18

Explore More from kwabaseefese

  1. KwabaseEfese Chapter 4
  2. KwabaseEfese Chapter 6
  3. KwabaseEfese Chapter 2
  4. KwabaseEfese Chapter 5
  5. KwabaseEfese Chapter 1

Related Chapters & Readings

  1. AbaGwebi Chapter 21
  2. UYobhi Chapter 31
  3. IiNdumiso Chapter 122
  4. IZenzo Chapter 27
  5. UHezekile Chapter 6
  6. ILevitikus Chapter 5
  7. 2 YeziKronike Chapter 11
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *