1 YooKumkani Chapter 14

For English

Read 1 YooKumkani Chapter 14 Online

Read 1 YooKumkani Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YooKumkani and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1 YooKumkani 14

Isahluko 14

1. Ngelo xesha wahliwa sisifo uAbhiya, unyana kaYarobheham.

2. Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangakwazi ukuba ungumkaYarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;

3. uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wokuxelela okuya kubakho kulo mntwana.

4. Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya. Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.

5. Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wothi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.

6. Kwathi, akusiva uAhiya isingqi seenyawo zakhe, engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham, yini na ukuba uzenze mntu wumbi? Ndithunywe kuwe udaba olubi.

7. Yiya, uthi kuYarobheham, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo phakathi kwabantu, ndakwenza inganga kubantu bam amaSirayeli,

8. ndabukrazula ubukumkani endlwini kaDavide, ndakunika; wesuka akwafuza umkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imithetho yam, owandilandelayo ngentliziyo yakhe yonke, ukuba enze okuthe tye kodwa emehlweni am;

9. wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:

10. ngako oko, yabona, ndiya kuyizisela ububi indlu kaYarobheham, ndiyinqamle kwaYarobheham yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli, ndiwatshayele amavela-mva endlu kaYarobheham, njengokutshayelwa kwelindle, kude kuthi tu.

11. OkaYarobheham ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu; ngokuba uYehova ethethile.

12. Suk’ ume ke wena, uhambe uye endlwini yakho; ekungeneni kweenyawo zakho kuwo umzi, uya kufa umntwana.

13. Ommbambazelela onke amaSirayeli, amngcwabe; ngokuba nguye yedwa kwaYarobheham, oya kungena engcwabeni; ngenxa yokuba kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.

14. UYehova uya kuzivelisela ukumkani kwaSirayeli, oya kuyinqamla indlu kaYarobheham loo mini, Ndisathetha ntoni na, sekunjalo nje?

15. UYehova uya kubetha kumaSirayeli, njengengcongolo izanyazanyiswa ema nzini, awanyothule amaSirayeli emhlabeni olungileyo, awawunika ooyise, awachithachithele phesheya koMlambo, ngenxa enokuba enze ooAshera bawo, amqumbisa uYehova;

16. awanikele amaSirayeli ngenxa yesono sikaYarobheham, owonayo, wawonisa ngaso amaSirayeli.

17. Wesuka ke umkaYarobheham, wahamba, wafika eTirtsa, wathi akuthi ukunyathela embundwini womnyango wendlu, wafa umntwana.

18. Amngcwaba, ammbambazelela amaSirayeli onke ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomkhonzi wakhe, uAhiya umprofeti.

19. Ezinye izinto zikaYarobheham, ukulwa kwakhe, nokulawula kwakhe, nanko kubhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

20. Imihla awayengukumkani ngayo uYarobheham ngamashumi amabini anesibini iminyaka; walala kooyise. UNadabhi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

21. Ke uRehabheham, unyana kaSolomon, waye engukumkani kwaYuda. URehabheham ubeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi awawunyulayo uYehova ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba alibeke khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.

22. AmaYuda enza ububi emehlweni kaYehova, amkhweletisa ngaphezu kwako konke ababekwenzile ooyise ngezono zabo, ababesona ngazo.

23. Azakhela nazo izinganga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.

24. Kananjalo bekukho amang’awu elizweni, enza ngokwamasikizi onke eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

25. Kwathi ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki, ukumkani waseYiputa, wayifikela iYerusalem.

26. Wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha zonke iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.

27. Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.

28. Ubesakuthi, akuya ukumkani endlwini kaYehova, ziziphathe izigidimi ezo, zize zizibuyisele egumbini logcino lwezigidimi.

29. Ezinye izinto zikaRehabheham, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

30. Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla.

31. URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi. UAbhiyam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

About 1 YooKumkani Chapter 14

Read 1 YooKumkani Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 YooKumkani
Chapter: 14
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 YooKumkani Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 YooKumkani Chapter 14?

1 YooKumkani Chapter 14 is part of the Book of 1 YooKumkani in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 YooKumkani Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-yookumkani

  1. 1 YooKumkani Chapter 12
  2. 1 YooKumkani Chapter 5
  3. 1 YooKumkani Chapter 17
  4. 1 YooKumkani Chapter 1
  5. 1 YooKumkani Chapter 11
  6. 1 YooKumkani Chapter 3
  7. 1 YooKumkani Chapter 2

Explore More from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 95
  2. ILevitikus Chapter 22
  3. UYeremiya Chapter 52
  4. UDaniyeli Chapter 10
  5. 2 YooKumkani Chapter 6
  6. INgoma yazo iiNgoma Chapter 8
  7. UZekariya Chapter 7

Related Chapters & Readings

  1. UMateyu Chapter 25
  2. IiNdumiso Chapter 4
  3. UYobhi Chapter 11
  4. IiNdumiso Chapter 5
  5. UYohane Chapter 12
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 6
  7. IsiTyhilelo Chapter 7
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *