Read ULuka Chapter 23 Online
Read ULuka Chapter 23 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ULuka in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ULuka and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
ULuka 23
Isahluko 23
1. Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato.
2. Baqala ke ukummangalela, besithi, Simfumene lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare, esithi, unguKristu uKumkani yena ngokwakhe.
3. UPilato wambuza ke, esithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho.
4. Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kulo mntu.
5. Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Uxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.
6. Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na.
7. Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla.
8. Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; kanjalo wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye.
9. Wayembuza ke amazwi amaninzi; ke yena akamphendulanga nento.
10. Bema ke ababingeleli abakhulu nababhali, bemmangalela kabukhali.
11. UHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato.
12. Ngaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo.
13. Ke kaloku uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi bamaYuda, nabantu,
14. wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;
15. kwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye.
16. Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
17. Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko.
18. Bankqangaza ke ngokuphela kwabo, besithi, Msuse lo, usikhululele uBharabhas,
19. owayethe, ngenxa yesaqunge esithile, esibe senziwe phakathi komzi, kwanokubulala, waphoswa entolongweni.
20. Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.
21. Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni.
22. Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
23. Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu.
24. Usuke ke uPilato wagweba ngelithi, masenziwe isicelo sabo.
25. Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu.
26. Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
27. Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela.
28. Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu;
29. ngokuba, yabonani, kuza imihla abaya kuthi ngayo, Banoyolo abaziindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga.
30. Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni.
31. Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?
32. Ke kaloku baberhola nabanye abangabambi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye.
33. Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo.
34. Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.
35. Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.
36. Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye,
37. esithi, Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise.
38. Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, lo nguKumkani wamaYuda.
39. Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.
40. Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?
41. Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.
42. Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.
43. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.
44. Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba.
45. Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.
46. Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
47. Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa.
48. Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo.
49. Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.
50. Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo, elilungisa
51. (yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo;
52. eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu.
53. Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo.
54. Loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele.
55. Ke kaloku nabafazi abalandelayo, abeza naye bephuma kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe.
56. Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo. Bathi ngesabatha baphumla ngokomthetho.
About ULuka Chapter 23
Read ULuka Chapter 23 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ULuka in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: ULuka
Chapter: 23
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ULuka. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading ULuka Chapter 23 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is ULuka Chapter 23?
ULuka Chapter 23 is part of the Book of ULuka in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete ULuka Chapter 23 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 8
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 13
Explore More from uluka
- ULuka Chapter 22
- ULuka Chapter 16
- ULuka Chapter 14
- ULuka Chapter 12
- ULuka Chapter 5
- ULuka Chapter 18
- ULuka Chapter 1