KwabaseRoma Chapter 14

For English

Read KwabaseRoma Chapter 14 Online

Read KwabaseRoma Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseRoma in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KwabaseRoma and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

KwabaseRoma 14

Isahluko 14

1. Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.

2. Omnye okunene uyakholwa ukuba angazidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno yodwa.

3. Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele.

4. Ungubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso. Siya kuma ke; kuba uThixo unako ukusimisa.

5. Omnye okunene ubeka umhla othile kunomnye umhla, wumbi ke ubeka imihla yonke. Elowo nalowo makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

6. Lowo uwunyamekelayo umhla, uwunyamekelela iNkosi; nalowo ungawunyamekeliyo umhla, engawunyamekeli nje, wenzela iNkosi; lowo udlayo, udlela iNkosi, kuba ebulela kuThixo; nalowo ungadliyo, engadli nje, wenzela iNkosi, abe ebulela kuThixo.

7. Kuba akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi, akukho namnye uzifelayo.

8. Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi.

9. Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo.

10. Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu.

11. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo, Zidumise uThixo zonke iilwimi.

12. Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.

13. Masingabi sagwebana ngoko; kanye yithini ukugweba, makungabekwa siwiso, nasikhubekiso, phambi komzalwana.

14. Ndiyazi, ndeyisekile, ndiseNkosini uYesu nje, ukuba akukho nto iyinqambi ngokwayo; kodwa ke kuye obalela into ekuthini iyinqambi, kulowo iyinqambi.

15. Ukuba ke umzalwana wakho wenziwa buhlungu ngenxa yokusuka udle, akusahambi ngokothando. Musa ukumtshabalalisa ngokudla kwakho, yena lowo uKristu wamfelayo.

16. Ngoko okulungileyo kwenu makunganyeliswa.

17. Kuba ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa noxolo novuyo kuMoya oyiNgcwele.

18. Kuba omkhonzayo uKristu kwezo zinto, ukholekile kakuhle kuye uThixo; ucikidekile nakubo abantu.

19. Ngoko ke masisukele izinto zoxolo, nezinto zokwakhana.

20. Musa ukuthi, ngenxa yokudla, uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene, konke kuhlambulukile; kodwa ke kubi kuloo mntu uthi ngokudla akhubekise.

21. Kuhle ukuba ungadli nyama, ungaseli wayini, ungenzi nto angabetheka kuyo umzalwana wakho, akhubeke kuyo, aswele amandla okuzigcina.

22. Wena unokholo na? Hlala nalo emehlweni kaThixo. Unoyolo lowo ungazigwebiyo kuloo nto ayicikidileyo.

23. Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni; konke ke okungekokwaselukholweni kusisono.

About KwabaseRoma Chapter 14

Read KwabaseRoma Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseRoma in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KwabaseRoma
Chapter: 14
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KwabaseRoma. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KwabaseRoma Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KwabaseRoma Chapter 14?

KwabaseRoma Chapter 14 is part of the Book of KwabaseRoma in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KwabaseRoma Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from kwabaseroma

  1. KwabaseRoma Chapter 2
  2. KwabaseRoma Chapter 7
  3. KwabaseRoma Chapter 1
  4. KwabaseRoma Chapter 12
  5. KwabaseRoma Chapter 8
  6. KwabaseRoma Chapter 10
  7. KwabaseRoma Chapter 11

Related Chapters & Readings

  1. UYoshuwa Chapter 3
  2. UMateyu Chapter 24
  3. UYobhi Chapter 42
  4. UHabhakuki Chapter 3
  5. 2 YeziKronike Chapter 17
  6. 1 YooKumkani Chapter 6
  7. UIsaya Chapter 14
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *