UYohane Chapter 21

For English

Read UYohane Chapter 21 Online

Read UYohane Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYohane and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYohane 21

Isahluko 21

1. Emva koko waphinda uYesu wazibonakalalisa kubafundi ngaselwandle lwaseTibheriya. Wenjenje ke ukuzibonakalalisa.

2. Babendawonye uSimon Petros, noTomas okuthiwa nguDidimo, noNataniyeli waseKana yelaseGalili, nabakaZebhedi, nabanye kubafundi bakhe bebabini.

3. Athi uSimon Petros kubo, Ndiya kubambisa iintlanzi. Bathi kuye, Nathi siyaya nawe. Baphuma bangena emkhombeni kwaoko. Ngobo busuku ababamba nto.

4. Ke kaloku, kwakuba sekusile, wema uYesu elunxwemeni; noko abafundi bebengazi ukuba nguYesu.

5. Athi ngoko uYesu kubo, Bantwana, aninanto idliwayo na? Bamphendula bathi, Hayi.

6. Wathi ke yena kubo, Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.

7. Athi ngoko loo mfundi ubethandwa nguYesu kuPetros, YiNkosi. Uthe ngoko uSimon Petros, akuva ukuba yiNkosi, wabhinqa ingubo yokwaleka (kuba ebeze), waziphosa elwandle.

8. Ke kaloku abanye abafundi beza ngomkhonjana (kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite zimakhulu mabini), bewuzizilizisa umnatha weentlanzi.

9. Bathi ngoko, bakuwelela emhlabeni, babona umlilo wamalahle ukhona, nentlanzi ikuwo, nesonka.

10. Athi uYesu kubo, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje.

11. Wangena emkhombeni uSimon Petros, wawutsalela emhlabeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamanci mahlanu anantathu; nakuba bezingako njalo, awujacekanga umnatha.

12. Athi uYesu kubo, Yizani nomule. Akubangakho namnye ke kubafundi waba nabuganga bakumbuza esithi, Ungubani na? besazi nje ukuba yiyo iNkosi.

13. Uza ke uYesu, asithabathe isonka, abanike, ayenjenjalo nentlanzi.

14. Oku sekukokwesithathu ezibonakalalisa uYesu kubafundi bakhe, evukile kwabafileyo.

15. Bathi ke bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am.

16. Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Yalusa izimvu zam.

17. Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi izinto zonke wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.

18. Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandiyo.

19. Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeya kuzukisa uThixo ngako. Akutsho wathi kuye, Ndilandele.

20. Ejikile ke uPetros, ubone umfundi obethandwa nguYesu elandela: lowo wayayame esifubeni sakhe esidlweni, wathi, Nkosi, ngubani na okunikelayo?

21. UPetros akumbona lowo, uthi kuYesu, Nkosi, lo woba yini na?

22. Athi uYesu kuye, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? Landela mna wena.

23. Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe?

24. Nguye lo umfundi ongqinayo ngezi zinto, wazibhala ezi zinto; kanjalo siyazi ukuba ubungqina bakhe buyinene.

25. Kukho ke nezinye izinto ezininzi awazenzayo uYesu; ezingathi zithe zabhalwa ngazinye, ndithi nehlabathi eli alingezibambi iincwadi ezo zingabhalwayo. Amen.

About UYohane Chapter 21

Read UYohane Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYohane
Chapter: 21
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYohane. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYohane Chapter 21 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYohane Chapter 21?

UYohane Chapter 21 is part of the Book of UYohane in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYohane Chapter 21 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from uyohane

  1. UYohane Chapter 11
  2. UYohane Chapter 10
  3. UYohane Chapter 20
  4. UYohane Chapter 19
  5. UYohane Chapter 16
  6. UYohane Chapter 4
  7. UYohane Chapter 18

Related Chapters & Readings

  1. UIsaya Chapter 43
  2. UYohane Chapter 1
  3. UHoseya Chapter 7
  4. UYohane Chapter 14
  5. 1 YooKumkani Chapter 21
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 15
  7. ILevitikus Chapter 17
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *