ILevitikus Chapter 2

For English

Read ILevitikus Chapter 2 Online

Read ILevitikus Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ILevitikus in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ILevitikus and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

ILevitikus 2

Isahluko 2

1. Ke xa ubani asondeza umsondezo ongumnikelo wokudla kuYehova, umsondezo wakhe lowo woba ngumgubo ocoliweyo, agalele ioli phezu kwawo, abeke intlaka emhlophe phezu kwawo.

2. Wowuzisa koonyana baka-Aron, ababingeleli, aze umbingeleli asube kuwo, azalise isandla sakhe emgubeni ocoliweyo naseolini apho, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke, aqhumisele umbingeleli esibingelelweni ngesikhumbuzo sawo. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

3. Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova leyo.

4. Xa usondeza umsondezo ongumnikelo wokudla okosiweyo ezikweni lezonka, woba yimiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, ezithanjiswe ioli.

5. Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okungepani, woba ngumgubo ocoliweyo ongenagwele, ugalelwe ioli.

6. Wowuqhekeza ube ngamaqhekeza, ugalele ioli phezu kwawo: ngumnikelo wokudla ke lowo.

7. Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngembiza, mawenziwe ngomgubo ocoliweyo, oneoli.

8. Uze uwuzise umnikelo wokudla owenziweyo ngezo nto kuYehova, uwusondeze kumbingeleli, awuse esibingelelweni;

9. asuse umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

10. Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova.

11. Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingenziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.

12. Ningazisondeza kuYehova zibe ngumsondezo wokuqala; mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo.

13. Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla woyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.

14. Ukuba usondeza umnikelo wokudla wentlahlela kuYehova, oyinto esizilwayo ehle yavuthwa, wosondeza ikhweba, umnikelo wokudla wentlahlela yakho.

15. Uze uyibeke ioli phezu kwalo, ubeke nentlaka emhlophe phezu kwalo; ngumnikelo wokudla ke lowo.

16. Woqhumisela umbingeleli ngesikhumbuzo sawo kuloo nto yawo isizilwayo, nakwioli yawo, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke. Kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.

About ILevitikus Chapter 2

Read ILevitikus Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ILevitikus in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: ILevitikus
Chapter: 2
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ILevitikus. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading ILevitikus Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is ILevitikus Chapter 2?

ILevitikus Chapter 2 is part of the Book of ILevitikus in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete ILevitikus Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ilevitikus

  1. ILevitikus Chapter 1
  2. ILevitikus Chapter 5
  3. ILevitikus Chapter 14
  4. ILevitikus Chapter 4
  5. ILevitikus Chapter 13
  6. ILevitikus Chapter 11
  7. ILevitikus Chapter 10

Explore More from ITestamente Endala

  1. UHezekile Chapter 43
  2. IGenesis Chapter 45
  3. UYobhi Chapter 32
  4. 1 KaSamuweli Chapter 17
  5. UMalaki Chapter 2
  6. UIsaya Chapter 3
  7. IGenesis Chapter 18

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 99
  2. IsiTyhilelo Chapter 20
  3. IiNdumiso Chapter 15
  4. UYeremiya Chapter 19
  5. IGenesis Chapter 23
  6. 1 YeziKronike Chapter 22
  7. 1 KaSamuweli Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *