UYohane Chapter 11

For English

Read UYohane Chapter 11 Online

Read UYohane Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYohane and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYohane 11

Isahluko 11

1. Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo.

2. Yaye ke inguloo Mariya, wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, wazisulayo iinyawo zayo ngeenwele zakhe, omnakwabo uLazaro wayesifa.

3. Bathumela ngoko oodade babo kuye, besithi, Nkosi, uyabona, lowo umthandayo uyafa.

4. Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.

5. Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo noLazaro.

6. Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini.

7. Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda.

8. Bathi abafundi kuye, Rabhi, amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ubuya uye khona na?

9. Waphendula uYesu wathi, Akalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi.

10. Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye.

11. Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.

12. Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wosinda.

13. Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo.

14. Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, ULazaro ufile.

15. Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibe ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke masiye kuye.

16. Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye.

17. Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zone.

18. (Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya ezingathi zilishumi elinazihlanu.)

19. Kwakufike abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo.

20. Akuva ngoko uMarta ukuba uYesu uyeza, wamhlangabeza; ke yena uMariya wahlala endlwini.

21. Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga.

22. Nangoku ndiyazi ukuba, ongathi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.

23. Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke.

24. Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.

25. Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi.

26. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko?

27. Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.

28. Waza etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, UMfundisi ukho, uyakubiza.

29. Uthi yena, akuva oko, asuke kamsinya eze kuye.

30. (Ke kaloku, uYesu ebengekangeni phakathi komzi; wayesekuloo ndawo uMarta wamhlangabeza ekuyo.)

31. Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Uya engcwabeni, ukuya kulila khona.

32. UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu.

33. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka.

34. Wathi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone.

35. UYesu walila.

36. Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!

37. Ke abathile kuwo bathi, Ubengenako na lo, wawavulayo amehlo emfama, ukwenza ukuba nalo angafi?

38. Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye kuwo.

39. Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile.

40. Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?

41. Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo. Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile.

42. Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma.

43. Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma.

44. Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.

45. Ithe ngoko into eninzi kumaYuda, ebize kuMariya, yakuzibona izinto azenzileyo uYesu, yakholwa kuye.

46. Ke abathile kuwo bemka baya kubaFarisi, babaxelela izinto azenzileyo uYesu.

47. Bahlanganisa ngoko ababingeleli abakhulu nabaFarisi intlanganiso yamatyala, bathi, Senza ntoni na? Ngokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi.

48. Ukuba sithe samyeka ngokunje, bonke baya kukholwa kuye; athi ke amaRoma eze, athimbe indawo yethu, kwanohlanga lwethu.

49. Ke kaloku omnye wabo, uKayafa, engumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, wathi kubo, Anazi nto nina;

50. kananjalo aniqondi ukuba kusilungele, ukuba kufe umntu abe mnye ngenza yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela.

51. Oku ke akakuthethanga kuphuma kuye; wathi, kuba ebengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, waprofeta ukuba uYesu uza kulufela uhlanga;

52. kungabi ngenxa yohlanga olo lodwa, kube ngenxa yabantwana bakaThixo abalusali, ukuba abahlanganisele ndawonye.

53. Kususela kuloo mini ngoko babhunga ukuba bambulale.

54. Ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni phakathi kwamaYuda; wasuka wemka apho, waya ezweni elikufuphi nentlango, emzini ekuthiwa kukwaEfrayim; walibala khona apho nabafundi bakhe.

55. Ke kaloku yayikufuphi ipasika yamaYuda; kwenyuka into eninzi iphuma kwelo zwe, yaya eYerusalem phambi kwayo ipasika, ukuze izenze nyulu.

56. Ayemfuna ngoko uYesu, ethetha odwa, emi etempileni, esithi, Nithini na? akasayi kuza na emthendelekweni?

57. Ke kaloku ababingeleli abakhulu nabaFarisi babewise umthetho wokuthi, ukuba umntu uthe wazi apho akhona, maze axele, ukuze bambambe.

About UYohane Chapter 11

Read UYohane Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYohane
Chapter: 11
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYohane. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYohane Chapter 11 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYohane Chapter 11?

UYohane Chapter 11 is part of the Book of UYohane in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYohane Chapter 11 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from uyohane

  1. UYohane Chapter 17
  2. UYohane Chapter 20
  3. UYohane Chapter 6
  4. UYohane Chapter 2
  5. UYohane Chapter 21
  6. UYohane Chapter 5
  7. UYohane Chapter 1

Related Chapters & Readings

  1. UYeremiya Chapter 10
  2. IZenzo Chapter 8
  3. IGenesis Chapter 11
  4. IZenzo Chapter 26
  5. IDuteronomi Chapter 3
  6. AbaGwebi Chapter 1
  7. UYobhi Chapter 39
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *