EkaYakobi Chapter 1

For English

Read EkaYakobi Chapter 1 Online

Read EkaYakobi Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EkaYakobi in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of EkaYakobi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

EkaYakobi 1

Isahluko 1

1. UYakobi, umkhonzi kaThixo neNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinazibini eziziintsali, ebulisa.

2. Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo,

3. nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde.

4. Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto.

5. Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.

6. Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.

7. Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi.

8. Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo.

9. Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe;

10. osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca.

11. Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; siya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso.

12. Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo.

13. Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena.

14. Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko.

15. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.

16. Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintanda.

17. Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; sihla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika.

18. Uthandile, wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuze sibe yintlahlela yazo izidalwa zakhe.

19. Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba;

20. kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo.

21. Kungoko endithi, yithini, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu.

22. Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela.

23. Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini;

24. kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.

25. Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, lowo, ethe nje akaba ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe.

26. Ukuba ubani kuni uba ungonqulayo, abe engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, elukuhla intliziyo yakhe, unqulo lwalowo alunto yanto.

27. Unqulo lona oluhlambulukileyo, olu ngadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni, yabo: kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.

About EkaYakobi Chapter 1

Read EkaYakobi Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EkaYakobi in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: EkaYakobi
Chapter: 1
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading EkaYakobi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading EkaYakobi Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is EkaYakobi Chapter 1?

EkaYakobi Chapter 1 is part of the Book of EkaYakobi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete EkaYakobi Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ekayakobi

  1. EkaYakobi Chapter 5
  2. EkaYakobi Chapter 4
  3. EkaYakobi Chapter 3
  4. EkaYakobi Chapter 2

Explore More from ITestamente Entsha

  1. KwabaseRoma Chapter 5
  2. IZenzo Chapter 13
  3. 2 KwabaseKorinte Chapter 9
  4. 1 KuTimoti Chapter 4
  5. ULuka Chapter 7
  6. UMarko Chapter 3
  7. UMarko Chapter 7

Related Chapters & Readings

  1. UYobhi Chapter 9
  2. UNehemiya Chapter 11
  3. UYobhi Chapter 4
  4. UYeremiya Chapter 43
  5. ILevitikus Chapter 20
  6. UYobhi Chapter 16
  7. IGenesis Chapter 20
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *