UYohane Chapter 17

For English

Read UYohane Chapter 17 Online

Read UYohane Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYohane and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYohane 17

Isahluko 17

1. Ezi zinto wazithetha uYesu, wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela ezulwini, wathi, Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise;

2. njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade.

3. Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.

4. Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.

5. Ndizukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.

6. Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.

7. Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe.

8. Ngokuba amazwi ondinike wona, ndiwanike bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.

9. Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona; ngokuba bengabakho.

10. Izinto zonke ezizezam zezakho, zibe ezakho zizezam; ndizukisekile ke kubo.

11. Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo oyingcwele, balondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.

12. Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozele egameni lakho; owandinika bona ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo, ukuze isibhalo sizaliseke.

13. Ngoku ke ndiza kuwe; nezi zinto ndizithetha ehlabathini, ukuze babe nalo uvuyo lwam luzalisekile kubo.

14. Mna ndibanike ilizwi lakho; laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.

15. Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo.

16. Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.

17. Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.

18. Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.

19. Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.

20. Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo;

21. ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.

22. Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;

23. mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweni-nye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.

24. Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi.

25. Bawo olilungisa, ihlabathi lona alikwazanga, ke mna ndikwazile; naba bathe bazi ukuba wena undithumile;

26. ndabazisa igama lakho, ndandiya kubazisa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.

About UYohane Chapter 17

Read UYohane Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYohane
Chapter: 17
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYohane. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYohane Chapter 17 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYohane Chapter 17?

UYohane Chapter 17 is part of the Book of UYohane in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYohane Chapter 17 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from uyohane

  1. UYohane Chapter 10
  2. UYohane Chapter 8
  3. UYohane Chapter 19
  4. UYohane Chapter 5
  5. UYohane Chapter 2
  6. UYohane Chapter 15
  7. UYohane Chapter 9

Related Chapters & Readings

  1. IDuteronomi Chapter 18
  2. 2 YooKumkani Chapter 22
  3. 2 YooKumkani Chapter 17
  4. IGenesis Chapter 15
  5. UHezekile Chapter 18
  6. 2 YeziKronike Chapter 21
  7. IiNdumiso Chapter 140
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *