KumaGalati Chapter 5

For English

Read KumaGalati Chapter 5 Online

Read KumaGalati Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KumaGalati in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KumaGalati and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

KumaGalati 5

Isahluko 5

1. Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.

2. Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe naluka, uKristu akasayi kuninceda lutho.

3. Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela.

4. Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.

5. Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.

6. Kuba kwabakuKristu Yesu akunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.

7. Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?

8. Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.

9. Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.

10. Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.

11. Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? —singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.

12. Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.

13. Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.

14. Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

15. Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.

16. Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.

17. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.

18. Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.

19. Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,

20. ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano,

21. oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

22. Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;

23. akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.

24. Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.

25. Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.

26. Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.

About KumaGalati Chapter 5

Read KumaGalati Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KumaGalati in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KumaGalati
Chapter: 5
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KumaGalati. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KumaGalati Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KumaGalati Chapter 5?

KumaGalati Chapter 5 is part of the Book of KumaGalati in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KumaGalati Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IZenzo Chapter 26
  2. IZenzo Chapter 9
  3. IZenzo Chapter 13
  4. IZenzo Chapter 7
  5. IZenzo Chapter 12
  6. IZenzo Chapter 8
  7. IZenzo Chapter 18

Explore More from kumagalati

  1. KumaGalati Chapter 3
  2. KumaGalati Chapter 2
  3. KumaGalati Chapter 4
  4. KumaGalati Chapter 6
  5. KumaGalati Chapter 1

Related Chapters & Readings

  1. KumaGalati Chapter 4
  2. IiNdumiso Chapter 140
  3. IiNdumiso Chapter 127
  4. IsiTyhilelo Chapter 20
  5. IiNdumiso Chapter 50
  6. IZenzo Chapter 17
  7. IEksodus Chapter 38
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *