KwabaseFilipi Chapter 2

For English

Read KwabaseFilipi Chapter 2 Online

Read KwabaseFilipi Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseFilipi in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KwabaseFilipi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

KwabaseFilipi 2

Isahluko 2

1. Ukuba ke ngoko kukho usizo kuKristu, ukuba kukho ukhuzo lothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya,

2. ukuba kukho imfesane neemfefe, luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge nto-nye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye;

3. ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye.

4. Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.

5. Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu:

6. yena wathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba;

7. usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu;

8. wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.

9. Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama;

10. ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba;

11. zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise.

12. Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela; ningangi nenjenjalo xa ndikhoyo kodwa, manibe kukhona nenjenjalo Xa ndingekhoyo.

13. Kuba nguThixo okusebenzayo Ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.

14. Izinto zonke zenzeni ningenakukrokra, ningenakuthandabuza,

15. ukuze nibe ngabangenakusoleka, abangenabuqhinga; nibe ngabantwana bakaThixo abangenakubekwa bala esazulwini sesizukulwana esigoso, esigwenxa; enithi phakathi kwabo nibonakale ninjengezikhanyiso ehlabathini, nibambelele elizwini lobomi;

16. nibe liqhayiya lam, nide nise kwimini kaKristu, ukuba andifumananga ndabaleka, kanjalo andifumananga ndabulaleka.

17. Ewe, nokuba ndiyathululwa ngokomnikelo phezu kombingelelo nombuso wokholo lwenu, ndiyavuya, ndivuyisana nani nonke.

18. Yithini ke ngokoko nani nivuye, nivuyisane nam.

19. Ke kaloku ndithembele eNkosini uYesu, ukuba ndonithumela uTimoti kamsinya, ukuze nam ndonwabe, ndakuzazi iindawo ezingani.

20. Kuba andinamntu wumbi, umphefumlo uvana nowam, owothi ayikhathalele ngokwenyaniso imicimbi engani.

21. Kuba bonke bafuna ezabo izinto, zingezizo ezikaYesu Kristu.

22. Ukucikideka ke kwakhe niyakwazi: ukuba wathi, njengomntwana kuyise, wakhonza kunye nam kuzo iindaba ezilungileyo.

23. Lowo ke ngoko ndithembe ukumthuma kwaoko, xa ndithe ndayiqonda imicimbi engam.

24. Ke ndikholose ngeNkosi, ukuba nam ngokwam ndoza kamsinya.

25. Kodwa ke ndibe kuyafuneka ukuba ndinithumele uEpafrodito, umzalwana wam osebenza nam, umphumi-mkhosi nam, umthunywa wenu ke, umlungiseleli wam kwiintswelo zam;

26. ekubeni ke ebenilangazelela nina nonke, edandatheka, ngenxa enokuba nevayo ukuba wayesifa.

27. Kuba okunene wayesifa, ephantse ukufa. Ke uThixo wamenzela inceba; akenzela yena yedwa, wenzela nam lo, ukuze ndingabi buhlungu, ndibuhlungu kade.

28. Kukhona ngoko ndimthuma ngokukhawuleza, ukuze nithi nakumbona nibuye nivuye, kuthi nokwam ukuba buhlungu kudambe.

29. Mamkeleni ke ngokwaseNkosini, ninovuyo lonke; nibabeke abo banjalo;

30. ngokuba, ngenxa yomsebenzi kaKristu, wada waphantsa ukufa, ebenza isichenge ubomi bakhe, ukuze enzelelele ukusilela kwenu ekundilungiseleleni.

About KwabaseFilipi Chapter 2

Read KwabaseFilipi Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseFilipi in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KwabaseFilipi
Chapter: 2
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KwabaseFilipi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KwabaseFilipi Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KwabaseFilipi Chapter 2?

KwabaseFilipi Chapter 2 is part of the Book of KwabaseFilipi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KwabaseFilipi Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from kwabasefilipi

  1. KwabaseFilipi Chapter 4
  2. KwabaseFilipi Chapter 1
  3. KwabaseFilipi Chapter 3

Related Chapters & Readings

  1. UYeremiya Chapter 40
  2. 1 YeziKronike Chapter 14
  3. ImiZekeliso Chapter 10
  4. UHezekile Chapter 30
  5. UZefaniya Chapter 1
  6. IGenesis Chapter 20
  7. IiNdumiso Chapter 70
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *