2 YooKumkani Chapter 2

For English

Read 2 YooKumkani Chapter 2 Online

Read 2 YooKumkani Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 YooKumkani and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 YooKumkani 2

Isahluko 2

1. Kwathi ekuza kumnyuseni kukaYehova uEliya ngomoya ovuthuzayo, ukuba aye emazulwini, wabe uEliya ehamba noElisha, besuka eGiligali.

2. Wathi uEliya kuElisha, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eBheteli. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Behla ke, baya eBheteli.

3. Baphuma oonyana babaprofeti, ababeseBheteli, baya kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhlanje uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.

4. Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYeriko. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bangena ke eYeriko.

5. Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhla uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.

6. Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYordan. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bahamba ke bobabini.

7. Kwahamba amadoda amashumi mahlanu koonyana babaprofeti, afika ema mgama malunga nabo. Bona bema bobabini ngaseYordan.

8. UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile.

9. Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwenzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho.

10. Wathi, Ucele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.

11. Kwathi, besahamba, behamba bethetha, kwabonakala inqwelo yomlilo namahashe omlilo; yabahlula bobabini, wenyuka uEliya ngomoya ovuthuzayo, waya emazulwini.

12. UElisha akukubona oko, wadanduluka, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli, nabamahashe ayo! Akaba sambona. Wazibamba ezakhe iingubo, wazikrazula zaziqwenga zibini;

13. wayichola ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye; wabuya, wafika wema elunxwemeni lweYordan.

14. Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Uphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; wawela uElisha.

15. Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya kumkhawulela, baqubuda kuye.

16. Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma.

17. Bamjoka, wada waneentloni, wathi, Wathumeni. Bawathuma ke amadoda amashumi mahlanu; amfuna iintsuku ezintathu, akamfumana.

18. Abuya eza kuye; waye eseYeriko, wathi kuwo, Ndibe ndingatshongo na kuni ukuthi, Musani ukuya?

19. Athi amadoda aloo mzi kuElisha, Uyabona, ukuma kwalo mzi kuhle, njengoko ibonayo inkosi yethu; ke amanzi mabi, nalo mhlaba awuniki nto.

20. Wathi, Ndiziseleni isitya esitsha, nigalele ityuwa kuso. Amzisela ke.

21. Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi; akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki.

22. Aphila ke amanzi lawo unanamhla, ngokwelizwi likaElisha awalithethayo.

23. Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini! Nyuka, nkqayindini!

24. Wabheka ngasemva, walubona, waluqalekisa egameni likaYehova. Kwaphuma iibherekazi zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mane anababini kulo.

25. Wesuka khona, waya entabeni yeKarmele; wesuka khona, wabuyela kwaSamari.

About 2 YooKumkani Chapter 2

Read 2 YooKumkani Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 YooKumkani
Chapter: 2
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 YooKumkani Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 YooKumkani Chapter 2?

2 YooKumkani Chapter 2 is part of the Book of 2 YooKumkani in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 YooKumkani Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-yookumkani

  1. 2 YooKumkani Chapter 1
  2. 2 YooKumkani Chapter 5
  3. 2 YooKumkani Chapter 14
  4. 2 YooKumkani Chapter 10
  5. 2 YooKumkani Chapter 8
  6. 2 YooKumkani Chapter 23
  7. 2 YooKumkani Chapter 21

Explore More from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 69
  2. ImiZekeliso Chapter 2
  3. IiNdumiso Chapter 82
  4. 1 KaSamuweli Chapter 7
  5. IiNdumiso Chapter 138
  6. ImiZekeliso Chapter 27
  7. UNehemiya Chapter 8

Related Chapters & Readings

  1. 2 YeziKronike Chapter 36
  2. UYobhi Chapter 37
  3. IGenesis Chapter 47
  4. UYeremiya Chapter 16
  5. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 5
  6. ULuka Chapter 15
  7. IiNdumiso Chapter 125
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *