Read UEzra Chapter 9 Online
Read UEzra Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UEzra in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UEzra and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UEzra 9
Isahluko 9
1. Kwakugqitywa oko, beza kum abathetheli, bathi, Abantu bakwaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, abazahluli kwizizwe zamazwe la; benza ngokwamasikizi azo, awamaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaYebhusi, nama-Amon, namaMowabhi, namaYiputa, nama-Amori;
2. ngokuba bazizekele bona noonyana babo abafazi ezintombini zawo; yazixuba imbewu engcwele nezizwe zala mazwe; ke kuqale isandla sabathetheli nabaphathi kobu bumenemene.
3. Ndathi ndakuliva elo lizwi, ndazikrazula iingubo zam, kwaneyokwaleka, ndazidlathula iinwele zam neendevu, ndahlala phantsi ndimangalisiwe.
4. Ndahlanganisela kum bonke abagubha ngamazwi kaThixo kaSirayeli ngenxa yobumenemene babafuduswayo; ndahlala phantsi ndimangalisiwe, kwada kwalilixa lomnikelo wokudla wangokuhlwa.
5. Ngelo xa lomnikelo wokudla wangokuhlwa, ndesuka ekuzithobeni kwam, ndazikrazula iingubo zam neyokwaleka, ndaguqa ngamadolo, ndazolulela izandla zam kuYehova uThixo wam, ndathi:
6. Thixo wam, ndidanile, ndineentloni, andinakubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam; ngokuba ubugwenxa bethu bukhulile, baba phezu kweentloko zethu; netyala lethu likhulu, lesa emazulwini.
7. Kususela kwimihla yoobawo, sisetyaleni elikhulu unanamhla; ngenxa yobugwenxa bethu sanikelwa thina, nookumkani bethu, nababingeleli bethu, esandleni sookumkani bala mazwe, nasekreleni, nasekuthinjweni, nasekuphangweni, nasekudaneni kobuso, njengoko kunjalo namhla.
8. Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu.
9. Ngokuba singamakhoboka; ke ebukhobokeni bethu akasishiyanga uThixo wethu; usithobele inceba phambi kookumkani basePersi, basisindisa, ukuba siphakamise indlu yoThixo wethu, silungise inxuwa layo, basibiyele uthango kwaYuda, naseYerusalem.
10. Singathini na kaloku, Thixo wethu, emveni koko? Kuba siyishiyile imithetho yakho, owayiwisayo ngabakhonzi bakho abaprofeti, usithi,
11. Ilizwe eniya kulima, lilizwe lokungcola, ngokungcola kwezizwe zala mazwe, ngamasikizi azo azalisileyo, athabathela kwelinye icala esa kwelinye, ngobunqambi bazo.
12. Ke ngoko iintombi zenu musani ukuzendisela koonyana bazo, neentombi zazo musani ukuzizekela oonyana benu; ningalunyamekeli uxolo lwazo nokuzilungeleyo, naphakade; ukuze nomelele, nidle ukulunga kwelizwe elo, nilinike oonyana benu libe lilifa kude kuse ephakadeni.
13. Emveni kwako konke okusihleleyo, ngenxa yezenzo zethu ezibi, nangenxa yetyala lethu elikhulu (kanti wena, Thixo wethu, usiyekile, akwasohlwaya ngangobugwenxa bethu, wasinika abasindileyo abangakanana),
14. singabuya siyaphule na imithetho yakho, sendiselane nezizwe ezinaloo masikizi? Akuyi kusifuthela ngomsindo side siphele na, ukuze kungabikho baseleyo, basindileyo?
15. Yehova, Thixo kaSirayeli, ulilungisa, ngokuba sisele singabasindileyo, njengoko kunjalo namhla. Uyabona, siphambi kwakho, sinalo ityala lethu, ngokuba akukho unokuma phambi kwakho ngenxa yoko.
About UEzra Chapter 9
Read UEzra Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UEzra in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UEzra
Chapter: 9
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UEzra. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UEzra Chapter 9 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UEzra Chapter 9?
UEzra Chapter 9 is part of the Book of UEzra in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UEzra Chapter 9 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from uezra
- UEzra Chapter 5
- UEzra Chapter 3
- UEzra Chapter 10
- UEzra Chapter 7
- UEzra Chapter 6
- UEzra Chapter 2
- UEzra Chapter 1