UHezekile Chapter 4

For English

Read UHezekile Chapter 4 Online

Read UHezekile Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UHezekile and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UHezekile 4

Isahluko 4

1. Wena ke, nyana womntu, thabatha isitena, usibeke phambi kwakho, ukrole umzi kuso, iYerusalem;

2. uwungqinge, uwakhele iinqaba zokubonisela, uwufumbele udonga lokungqinga; uwenzele iminquba, umisele izinto zokutyhomfa iindonga ngeenxa zonke.

3. Wena ke, thabatha ipani yesinyithi, uyimise ibe ludonga lwesinyithi phakathi kwakho nomzi lowo; ububhekise ubuso bakho kuwo, ube selungqingweni wona, uwungqinge wena. Ngumqondiso lo kwindlu kaSirayeli.

4. Wena ke, lala ngecala lakho lasekhohlo, ububeke ubugwenxa bendlu kaSirayeli phezu kwalo: ngangenani leentsuku oya kulala ngalo, uya kubuthwala ubugwenxa babo.

5. Kuba iminyaka yobugwenxa babo ndiyenza ukuba kuwe ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; uya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.

6. Uya kuthi, wakuba uzifezile ezo, ulale okwesibini ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mane; ndikwenzela usuku lube ngumnyaka, usuku lube ngumnyaka.

7. Uze ke ububhekise ubuso bakho elungqingweni lweYerusalem, ingalo yakho ihlutyiwe, uprofetele kuyo.

8. Yabona, ndikufaka izintya, ukuze ungaguqukeli kwelinye icala, ude uzigqibe iintsuku zokungqinga kwakho.

9. Wena ke, thabatha ingqolowa, nerhasi, neembotyi, neentlumayo, namazimba, nespelete, uzigalele ezo zinto sityeni sinye, uzenzele wena isonka; ngokwenani leentsuku olala ngecala lakho, uya kusidla iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba.

10. Ukudla kwakho oya kukudla koba ngokomlinganiselo, iishekele ezimashumi mabini ngosuku; uya kusidla amaxesha ngamaxesha.

11. Namanzi wowasela ngomlinganiselo, isahlulo sesithandathu sehin; uya kusisela amaxesha ngamaxesha.

12. Uya kusidla ngokwesonka esiliqebengwana serhasi, usoje emehlweni abo ngeengqatha eziphuma emntwini.

13. Wathi uYehova, Oonyana bakaSirayeli baya kwenjenjalo ukusidla siyinqambi ezintlangeni, endiya kubagxothela kuzo.

14. Ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Yabona, umphefumlo wam awuzanga wenziwe inqambi; into ezifeleyo neqwengiweyo andizanga ndiyidle, kwasebuncinaneni bam unanamhla; akufikanga nyama iyimbozisa emlonyeni wam.

15. Wathi kum, Uyabona, ndikunika amalongo enkomo esikhundleni seengqatha zomntu; soje kuwo isonka sakho.

16. Wathi kum, Nyana womntu, yabona, ndiya kuwaphula umsimelelo osisonka eYerusalem, basidle isonka ngomlinganiselo, benesithukuthezi; bawasele amanzi ngomlinganiselo, bemangalisiwe;

17. ukuze baswele isonka namanzi, bamangalisane, bangcungcutheke ebugwenxeni babo.

About UHezekile Chapter 4

Read UHezekile Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UHezekile
Chapter: 4
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UHezekile. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UHezekile Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UHezekile Chapter 4?

UHezekile Chapter 4 is part of the Book of UHezekile in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UHezekile Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uhezekile

  1. UHezekile Chapter 30
  2. UHezekile Chapter 18
  3. UHezekile Chapter 21
  4. UHezekile Chapter 5
  5. UHezekile Chapter 38
  6. UHezekile Chapter 48
  7. UHezekile Chapter 16

Related Chapters & Readings

  1. IZenzo Chapter 24
  2. IGenesis Chapter 8
  3. KumaHebhere Chapter 9
  4. 2 KaSamuweli Chapter 1
  5. UMateyu Chapter 25
  6. ILevitikus Chapter 23
  7. IsiTyhilelo Chapter 16
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *