IsiTyhilelo Chapter 7

For English

Read IsiTyhilelo Chapter 7 Online

Read IsiTyhilelo Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IsiTyhilelo and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IsiTyhilelo 7

Isahluko 7

1. Emva koko ndabona izithunywa zezulu zizine, zimi ezimbombeni zone zomhlaba, zibambe imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungavuthuzi moya phezu komhlaba, naphezu kolwandle, naphezu kwemithi yonke.

2. Ndabona esinye isithunywa sezulu, sinyuka sivela empumalanga, sinetywina likaThixo ophilileyo. Sadanduluka ngezwi elikhulu: kuzo izithunywa zezulu zozine, ezanikwa igunya lokuwonakalisa umhlaba nolwandle,

3. sisithi, Musani ukuwona umhlaba, nolwandle, nemithi, side sibatywine abakhonzi boThixo wethu emabunzini abo.

4. Ndaliva inani labo babetywiniwe: kwatywinwa ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli.

5. Esizweni sakwaYuda kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaRubhen kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaGadi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

6. Esizweni sakwa-Ashere kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaNafetali kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaManase kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

7. Esizweni sakwaSimon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaLevi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaIsakare kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

8. Esizweni sakwaZebhulon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaYosefu kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaBhenjamin kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

9. Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,

10. bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi: Usindiso kuye uThixo wethu, Lowo uhleli phezu kwetrone, Nakuyo iMvana!

11. Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenze isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zone, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo, zaqubuda kuye uThixo,

12. zisithi: Amen, Ukubongwa, nozuko, nobulumko, Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela, Makube kuye uThixo wethu, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni! Amen.

13. Yaphendula enye indoda enkulu, isithi kum, Aba bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe bangoobani na? bevela phi na?

14. Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.

15. Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.

16. Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu;

17. ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.

About IsiTyhilelo Chapter 7

Read IsiTyhilelo Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IsiTyhilelo
Chapter: 7
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IsiTyhilelo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IsiTyhilelo Chapter 7 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IsiTyhilelo Chapter 7?

IsiTyhilelo Chapter 7 is part of the Book of IsiTyhilelo in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IsiTyhilelo Chapter 7 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from isityhilelo

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. IsiTyhilelo Chapter 13
  7. IsiTyhilelo Chapter 3

Explore More from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 19
  2. KumaGalati Chapter 3
  3. UMarko Chapter 5
  4. KumaHebhere Chapter 13
  5. 2 KaPetros Chapter 3
  6. ULuka Chapter 24
  7. UYohane Chapter 14

Related Chapters & Readings

  1. UEstere Chapter 4
  2. IziLilo Chapter 1
  3. 1 YeziKronike Chapter 14
  4. UAmos Chapter 9
  5. IiNdumiso Chapter 13
  6. UNehemiya Chapter 11
  7. IiNdumiso Chapter 40
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *