Read KwabaseFilipi Chapter 4 Online
Read KwabaseFilipi Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseFilipi in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KwabaseFilipi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
KwabaseFilipi 4
Isahluko 4
1. Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, balangazelelwayo, luvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintanda.
2. UWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini.
3. Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
4. Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani.
5. Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke. INkosi ikufuphi.
6. Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo.
7. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.
8. Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.
9. Kwa-ezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.
10. Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba.
11. Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele.
12. Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela.
13. Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.
14. Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo.
15. Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa.
16. Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam.
17. Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu.
18. Ke ndinezinto zonke nje, ndityebile, ndihluthi, ndizamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo.
19. Ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu.
20. Kuye ke uThixo, uBawo wethu, malubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
21. Bulisani bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam.
22. Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare.
23. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
About KwabaseFilipi Chapter 4
Read KwabaseFilipi Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseFilipi in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: KwabaseFilipi
Chapter: 4
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KwabaseFilipi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading KwabaseFilipi Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is KwabaseFilipi Chapter 4?
KwabaseFilipi Chapter 4 is part of the Book of KwabaseFilipi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete KwabaseFilipi Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IZenzo Chapter 9
- IZenzo Chapter 26
- IZenzo Chapter 13
- IZenzo Chapter 7
- IZenzo Chapter 18
- IZenzo Chapter 12
- IZenzo Chapter 8