Read IEksodus Chapter 22 Online
Read IEksodus Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IEksodus and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IEksodus 22
Isahluko 22
1. Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe ne ngemvu leyo.
2. Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethwa lafa, akukho tyala lagazi kulowo.
3. Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo.
4. Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.
5. Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.
6. Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.
7. Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.
8. Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo, afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.
9. Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; othe wagwetywa nguThixo, wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.
10. Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho zine, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani:
11. makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.
12. Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo.
13. Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.
14. Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele.
15. Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibe ihambele ingqesho yayo.
16. Xa athe umntu warhwebesha intombi engaganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe.
17. Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.
18. Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.
19. Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.
20. Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.
21. Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
22. Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.
23. Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;
24. uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlolokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.
25. Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.
26. Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga;
27. kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.
28. UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi.
29. Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike.
30. Uze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike.
31. Noba ngabantu abangcwele kum; inyama yento eqwengiweyo endle nize ningayidli; noyiphosa ezinjeni.
About IEksodus Chapter 22
Read IEksodus Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IEksodus
Chapter: 22
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IEksodus. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IEksodus Chapter 22 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IEksodus Chapter 22?
IEksodus Chapter 22 is part of the Book of IEksodus in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IEksodus Chapter 22 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from Ieksodus
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- IEksodus Chapter 17
- IEksodus Chapter 4
- IEksodus Chapter 33
- IEksodus Chapter 26
- IEksodus Chapter 15
Explore More from ITestamente Endala
- INumeri Chapter 32
- UHezekile Chapter 21
- UYobhi Chapter 30
- INumeri Chapter 13
- UYeremiya Chapter 5
- 2 YeziKronike Chapter 13
- UIsaya Chapter 58