IEksodus Chapter 17

For English

Read IEksodus Chapter 17 Online

Read IEksodus Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IEksodus and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IEksodus 17

Isahluko 17

1. Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu.

2. Babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova?

3. Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano?

4. UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye.

5. Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe.

6. Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli.

7. Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na?

8. UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim.

9. Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki;

10. bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli.

11. Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki.

12. Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona.

13. UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.

14. Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu.

15. UMoses wakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanile-yam.

16. Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.

About IEksodus Chapter 17

Read IEksodus Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IEksodus
Chapter: 17
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IEksodus. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IEksodus Chapter 17 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IEksodus Chapter 17?

IEksodus Chapter 17 is part of the Book of IEksodus in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IEksodus Chapter 17 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Ieksodus

  1. IEksodus Chapter 2
  2. IEksodus Chapter 1
  3. IEksodus Chapter 4
  4. IEksodus Chapter 33
  5. IEksodus Chapter 26
  6. IEksodus Chapter 15
  7. IEksodus Chapter 8

Explore More from ITestamente Endala

  1. 2 YeziKronike Chapter 19
  2. UYeremiya Chapter 44
  3. IDuteronomi Chapter 7
  4. IiNdumiso Chapter 32
  5. UNehemiya Chapter 3
  6. UEzra Chapter 6
  7. UYeremiya Chapter 35

Related Chapters & Readings

  1. UAmos Chapter 7
  2. IiNdumiso Chapter 34
  3. IEksodus Chapter 37
  4. UYoshuwa Chapter 4
  5. IiNdumiso Chapter 89
  6. UHezekile Chapter 3
  7. KumaHebhere Chapter 9
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *