Read UHezekile Chapter 30 Online
Read UHezekile Chapter 30 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UHezekile and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UHezekile 30
Isahluko 30
1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2. Nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bhombolozani, nithi, Hayi ke, le mini!
3. Ngokuba ikufuphi le mini, ikufuphi imini kaYehova, imini yamafu; iya kuba lixesha leentlanga.
4. Ikrele liya kuyifikela iYiputa; kuya kubakho ukuzibhijabhija kwaKushi, ekuweni kwababuleweyo eYiputa, ithatyathwe intabalala yayo, zichithwe iziseko zayo.
5. AmaKushi, namaPuti, namaLudi, nomxukuxela wonke, namaKubhi, noonyana belizwe lomnqophiso, baya kuwa likrele ndawonye nayo.
6. Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa abaxhasi beYiputa, lihle iqhayiya lamandla ayo. Baya kuthabathela iMigidoli, base eSevene, besiwa likrele kuyo; itsho iNkosi uYehova.
7. KwelamaYiputa koba senkangala phakathi kwamazwe abharhileyo, nemizi yalo ibe phakathi kwemizi engamanxuwa;
8. bazi ukuba ndinguYehova, ekufakeni kwam umlilo eYiputa, baphuke bonke abancedi balo.
9. Ngayo loo mini kuya kuphuma kum abathunywa ngeenqanawa, ukuze bothuse amaKushi akholosileyo, azibhijabhije ngokwawo njengasemini yeYiputa; ngokuba, uyabona, iyeza le nto.
10. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuyiphelisa ingxokolo yeYiputa ngesandla sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli.
11. Yena enabantu bakhe, abangcangcazelisi basezintlangeni, baya kuziswa ukuba balitshabalalise ilizwe, bayirholele amakrele abo iYiputa, balizalise ilizwe ngababuleweyo.
12. Ndoyomisa imijelo yoMnayile, ndithengise ngelizwe ezandleni zabanobubi, ndilenze kube senkangala ilizwe nenzaliseko yalo, ngezandla zabasemzini; mna Yehova ndithethile.
13. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuzidakisa izigodo, ndiziphelise izithixo ezingento eNofu, kungabi sabakho sikhulu sasezweni laseYiputa, ndingenise ukoyika ezweni laseYiputa.
14. Ndiya kuyenza kube senkangala iPatrosi, ndifake umlilo eTsohan, ndenze izigwebo kwiNo;
15. ndobuthulula ubushushu bam phezu kweSin, inqaba yaseYiputa; ndiyinqumle ingxokolo yaseNo;
16. ndifake umlilo eYiputa. ISin iya kuzibhijabhija izibhijabhije, neNo inqikwe, neNofu ibe nababandezeli emini.
17. Amadodana aseAven nasePibhesete aya kuwa likrele, yona ke loo mizi ithinjwe.
18. ETapanesi iya kuba mnyama imini, ekuzaphuleni kwam khona iidyokhwe zaseYiputa, liphele kuyo iqhayiya lamandla ayo. Amafu aya kuyisibekela, namagxamesi ayo athinjwe;
19. ndenze izigwebo eYiputa; bazi ukuba ndinguYehova.
20. Kwathi ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yokuqala, ngolwesixhenxe enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
21. Nyana womntu, ingalo kaFaro ukumkani waseYiputa ndiyaphule; uyabona, ayiyi kubotshwa ukuba ifakwe umhlabelo, ukuba ibotshwe ngezithandelo, ukuba yomelele, ukuba iphathe ikrele.
22. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndimchasile uFaro ukumkani waseYiputa. Ndiya kuzaphula iingalo zakhe, eyomeleleyo kwaneyaphukileyo, ndilivuthulule ikrele esandleni sakhe.
23. Ndowaphangalalisela amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni;
24. ndiya kuzomeleza ke iingalo zokumkani waseBhabheli, ndibeke ikrele lam esandleni sakhe, ndizaphule iingalo zikaFaro, ancwine phambi kwakhe ngoncwino longxwelerhiweyo.
25. Ndiya kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabheli, ziwe iingalo zikaFaro; bazi ukuba ndinguYehova, ekulibekeni kwam ikrele esandleni sokumkani waseBhabheli, alolulele phezu kwelizwe laseYiputa.
26. Ndowaphangalalisela amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni; bazi ukuba ndinguYehova.
About UHezekile Chapter 30
Read UHezekile Chapter 30 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UHezekile
Chapter: 30
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UHezekile. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UHezekile Chapter 30 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UHezekile Chapter 30?
UHezekile Chapter 30 is part of the Book of UHezekile in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UHezekile Chapter 30 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uhezekile
- UHezekile Chapter 45
- UHezekile Chapter 38
- UHezekile Chapter 47
- UHezekile Chapter 32
- UHezekile Chapter 27
- UHezekile Chapter 14
- UHezekile Chapter 36