Read IEksodus Chapter 36 Online
Read IEksodus Chapter 36 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IEksodus and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IEksodus 36
Isahluko 36
1. Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.
2. UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze.
3. Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
4. Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza;
5. zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.
6. Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.
7. Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukubabayenze, yada yasala.
8. Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka.
9. Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine, amalengalenga alingana onke.
10. Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye.
11. Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.
12. Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye.
13. Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye.
14. Benza amalengalenga ngoboya beebhokhwe, aba yintente phezu komnquba; bawenza amalengalenga alishumi elinalinye.
15. Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mathathu, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye alingana.
16. Bawahlanganisa amalengalenga amahlanu odwa, namalengalenga omathandathu odwa.
17. Benza amasango amashumi mahlanu emphethweni welengalenga eli lokugqibela ekuhlanganeni, benza namasango amashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga, elihlanganiswe nelinye.
18. Benza amagwegwe obhedu amashumi mahlanu, ukuba ihlanganiswe intente, ibe nye.
19. Bayenzela intente isigubungelo ngezintsu zeekunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.
20. Umnquba bawenzela iiplanga ngomngampunzi, zema.
21. Ubude beplanga baba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye baba yikubhite enesiqingatha.
22. Iplanga inye yaneempondlo ezimbini, zahlangana olunye nolunye; benjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.
23. Bazenza ke iiplanga zomnquba; zamashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi.
24. Benza iziseko zesilivere zamashumi mane phantsi kweeplanga ezimashumi mabini; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye.
25. Ezecala lesibini lomnquba, ngelasentla icala, benza iiplanga ezimashumi mabini,
26. neziseko zazo zesilivere zamashumi mane: iziseko zazibini phantsi kweplanga inye, zazibini iziseko phantsi kweplanga inye.
27. Ezomva womnquba ngasentshonalanga bazenza zantandathu iiplanga.
28. Iiplanga ezimbini bazenza iimbombo zomnquba ngamacala, emaphundwini omabini,
29. zangamawele, zithabathela ezantsi ukuhlangana, zaba nto-nye kwada kwasa entloko, zaya khonkcweni linye; benjenjalo kuwo omabini angaweembombo zombini.
30. Zaba ziiplanga ezisibhozo; neziseko zazo zesilivere zaziziseko ezilishumi elinazithandathu: zazibini iziseko, zazibini iziseko, phantsi kweplanga inye.
31. Benza imivalo ngomngampunzi; yamihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,
32. yamihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba; yamihlanu imivalo eziplangeni zomnquba ephundwini, ngasentshonalanga.
33. Benza umvalo othe gabhu phakathi eziplangeni ezo, wavala, usuka ekupheleni waya ekupheleni.
34. Bazaleka iiplanga ngegolide; amakhonkco azo bawenza ngegolide, azindawo zemivalo; ke imivalo bayaleka ngegolide.
35. Benza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; bawenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo.
36. Bawenzela iintsika ezine zomngampunzi ezalekwe ngegolide, namagwegwe azo egolide; bazityhidela iziseko zozine zesilivere.
37. Umnyango wentente bawenzela isisitheliso ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki;
38. neentsika zaso zantlanu, namagwegwe azo, bazaleka iintloko zazo neminqiwu yazo ngegolide, neziseko zazo zozihlanu zazezobhedu.
About IEksodus Chapter 36
Read IEksodus Chapter 36 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IEksodus
Chapter: 36
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IEksodus. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IEksodus Chapter 36 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IEksodus Chapter 36?
IEksodus Chapter 36 is part of the Book of IEksodus in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IEksodus Chapter 36 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from Ieksodus
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- IEksodus Chapter 4
- IEksodus Chapter 3
- IEksodus Chapter 20
- IEksodus Chapter 19
- IEksodus Chapter 5
Explore More from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 2
- UZekariya Chapter 11
- ILevitikus Chapter 5
- UHoseya Chapter 8
- 2 KaSamuweli Chapter 1
- ImiZekeliso Chapter 24
- UIsaya Chapter 10