Read IEksodus Chapter 16 Online
Read IEksodus Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IEksodus and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IEksodus 16
Isahluko 16
1. Lonke ibandla loonyana bakaSirayeli landuluka e-Elim, lafika entlango yaseSin, ephakathi kwe-Elim, neSinayi, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesibini yokuphuma kwabo ezweni laseYiputa.
2. Labakrokrela ooMoses noAron lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango apho.
3. Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.
4. Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kuninisela isonka sivela ezulwini; baphume abantu, babuthe isabelo semini esilingene imini, ukuze ndibalinge ukuba bohamba ngomyalelo wam, abayi kuhamba ngawo, kusini na.
5. Kothi ngemini yesithandathu, balungise oko bakuzisileyo; koba ngumlinganiselo ophindwe kabini kunoko bathe bakubutha imihla ngemihla.
6. Wathi uMoses noAron koonyana bakaSirayeli bonke, Ngokuhlwa niya kwazi ukuba nguYehova owanikhuphayo ezweni laseYiputa;
7. kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele?
8. Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukrokra kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.
9. Wathi uMoses kuAron, Yithi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Sondelani phambi koYehova; kuba ukuvile ukukrokra kwenu.
10. Ke kaloku, xa wayethetha uAron kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, bakhangela entlango, nabo ubuqaqawuli bukaYehova bubonakala efini.
11. Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
12. Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
13. Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni.
14. Wenyuka umbethe obulele, nanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyileyo, encinanana njengeqabaka emhlabeni.
15. Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla.
16. Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.
17. Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.
18. Balinganisela ngehomere; akagqithisa obuthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
19. Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.
20. Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.
21. Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.
22. Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.
23. Wathi kuzo, Yiyo loo nto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yisabatha engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse.
24. Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; ayanuka, akwabakho mpethu kuyo.
25. Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.
26. Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.
27. Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.
28. Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?
29. Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.
30. Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.
31. Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana. Yayinjengembewu yekoriyandire, imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.
32. Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.
33. Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu;
34. igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.
35. Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mane, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan
36. Ke ihomere isisahlulo seshumi se-efa.
About IEksodus Chapter 16
Read IEksodus Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IEksodus
Chapter: 16
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IEksodus. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IEksodus Chapter 16 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IEksodus Chapter 16?
IEksodus Chapter 16 is part of the Book of IEksodus in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IEksodus Chapter 16 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from Ieksodus
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- IEksodus Chapter 17
- IEksodus Chapter 4
- IEksodus Chapter 26
- IEksodus Chapter 15
- IEksodus Chapter 3
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 144
- UYeremiya Chapter 27
- 1 YooKumkani Chapter 17
- IGenesis Chapter 20
- IGenesis Chapter 6
- IiNdumiso Chapter 99
- 2 KaSamuweli Chapter 2