Read UMateyu Chapter 2 Online
Read UMateyu Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMateyu and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UMateyu 2
Isahluko 2
1. Kuthe ke, akubon’ ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi,
2. Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; size kumnqula.
3. Uthe ke uHerode ukumkani, akuva, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye.
4. Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu.
5. Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngomprofeti kwathiwa,
6. Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda: Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli, Onguyena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli.
7. Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo;
8. wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula.
9. Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.
10. Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu kakhulu.
11. Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; zathi, zinqike impahla yazo, zanikela kuye iminikelo, igolide, nentlaka emhlophe, nemore.
12. Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo.
13. Zithe zakubon’ ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.
14. Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa.
15. Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.
16. Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.
17. Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi,
18. Kwavakala izwi eRama, Isimema nesililo nesijwili esikhulu, URakeli elilela abantwana bakhe, Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.
19. Akubon’ ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa sisithi,
20. Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.
21. Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli.
22. Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili.
23. Ufike wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowase Nazarete.
About UMateyu Chapter 2
Read UMateyu Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UMateyu
Chapter: 2
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMateyu. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UMateyu Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UMateyu Chapter 2?
UMateyu Chapter 2 is part of the Book of UMateyu in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UMateyu Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 8
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 13
Explore More from umateyu
- UMateyu Chapter 13
- UMateyu Chapter 26
- UMateyu Chapter 25
- UMateyu Chapter 27
- UMateyu Chapter 4
- UMateyu Chapter 24
- UMateyu Chapter 21