KwabaseRoma Chapter 7

For English

Read KwabaseRoma Chapter 7 Online

Read KwabaseRoma Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseRoma in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KwabaseRoma and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

KwabaseRoma 7

Isahluko 7

1. Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo?

2. Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni.

3. Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon’ ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.

4. Ngoko ke, bazalwana bam, nani n’abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina.

5. Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni.

6. Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.

7. Sithini na ke? Umthetho usisono na? Nakanye! Ke ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki.

8. Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile.

9. Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono, ndafa ke mna;

10. waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni.

11. Kuba isono sithe, sizuze ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala.

12. Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.

13. Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.

14. Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono.

15. Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza;

16. ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle.

17. Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.

18. Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukho ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani.

19. Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza.

20. Ukuba ke endingakuthandiyo mna, ndenza khona oko, ayisendim okusebenzayo

21. oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.

22. Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndifuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum.

23. Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am.

24. Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa?

25. Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.

About KwabaseRoma Chapter 7

Read KwabaseRoma Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseRoma in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KwabaseRoma
Chapter: 7
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KwabaseRoma. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KwabaseRoma Chapter 7 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KwabaseRoma Chapter 7?

KwabaseRoma Chapter 7 is part of the Book of KwabaseRoma in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KwabaseRoma Chapter 7 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. UYohane Chapter 1
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from kwabaseroma

  1. KwabaseRoma Chapter 10
  2. KwabaseRoma Chapter 4
  3. KwabaseRoma Chapter 9
  4. KwabaseRoma Chapter 8
  5. KwabaseRoma Chapter 1
  6. KwabaseRoma Chapter 6
  7. KwabaseRoma Chapter 15

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 13
  2. UYeremiya Chapter 34
  3. INumeri Chapter 25
  4. INumeri Chapter 31
  5. IiNdumiso Chapter 72
  6. UIsaya Chapter 26
  7. IiNdumiso Chapter 63
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *