Read IsiTyhilelo Chapter 14 Online
Read IsiTyhilelo Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IsiTyhilelo and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IsiTyhilelo 14
Isahluko 14
1. Ndabona, nantso iMvana imi phezu kwentaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, benalo igama loYise libhaliwe emabunzini abo.
2. Ndeva izwi liphuma ezulwini, lingathi sisandi samanzi amaninzi, lingathi sisandi sendudumo enkulu.
3. Ndeva nezwi lababethi beehadi, bebetha iihadi zabo; bevuma ingoma engathi intsha, phambi kwetrone, naphambi kwezinto eziphilileyo zone, namadoda amakhulu; kwaye kungekho namnye unako ukuyifunda ingoma leyo, lingelilo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, ababethengiwe emhlabeni.
4. Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelayo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba bathengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
5. Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.
6. Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;
7. sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.
8. Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba iseze zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.
9. Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe:
10. yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana.
11. Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; abanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.
12. Nalu unyamezelo lwabangcwele; naba abayigcinayo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.
13. Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.
14. Ndabona, nalo ilifu elimhlophe; elifini apho kuhleli ofana noNyana woMntu, enesithsaba segolide entloko, esandleni sakhe enerhengqa elibukhali.
15. Kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni, sidanduluka ngezwi elikhulu kulo uhleli efini, sisithi, Lifake irhengqa lakho, uvune; ngokuba lifikile kuwe ilixa lokuvuna; ngokuba ukudla komhlaba kuvuthiwe.
16. Lowo uhleli efini waliphosa irhengqa lakhe emhlabeni; wavunwa ke umhlaba.
17. Kwaza kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni esemazulwini, naso sikwanerhengqa elibukhali.
18. Kwaphuma esinye isithunywa sezulu esibingelelweni, sinegunya kuwo umlilo; sabiza ngonkqangazo olukhulu kweso sinerhengqa elibukhali, sisithi, Lifake irhengqa lakho elibukhali, ubuthe izihloko zomdiliya womhlaba, ngokuba iidiliya zawo zigqibele ukuvuthwa.
19. Isithunywa saliphosa irhengqa laso emhlabeni, sawubutha umdiliya womhlaba, sawuphosa esixovulelweni esikhulu somsindo kaThixo.
20. Isixovulelo eso sanyathelwa ngaphandle komzi lowo; kwaphuma igazi esixovulelweni eso, lada lafika emikhaleni yamahashe, umgama wezitadiya eziliwaka elinamakhulu amathandathu.
About IsiTyhilelo Chapter 14
Read IsiTyhilelo Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IsiTyhilelo
Chapter: 14
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IsiTyhilelo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IsiTyhilelo Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IsiTyhilelo Chapter 14?
IsiTyhilelo Chapter 14 is part of the Book of IsiTyhilelo in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IsiTyhilelo Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from isityhilelo
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 8
- IsiTyhilelo Chapter 13
- IsiTyhilelo Chapter 22
- IsiTyhilelo Chapter 9
Explore More from ITestamente Entsha
- KwabaseRoma Chapter 7
- UYohane Chapter 20
- KwabaseFilipi Chapter 2
- 1 KaPetros Chapter 4
- UMarko Chapter 3
- UYohane Chapter 8
- IsiTyhilelo Chapter 12