Read UMateyu Chapter 11 Online
Read UMateyu Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMateyu and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UMateyu 11
Isahluko 11
1. Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo.
2. Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe,
3. wathi kuye, Wena ungulowo uzayo na, silinde wumbi, kusini na?
4. Waphendula uYesu wathi kubo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo:
5. iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu aya zishunyayezwa iindaba ezilungileyo.
6. Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
7. Bakubon’ ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Naye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yabe iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?
8. Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo bambatha ezitofotofo baba sezindlwini zookumkani bona.
9. Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti.
10. Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
11. Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.
12. Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.
13. Kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofeta kwada kwakho uYohane.
14. Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.
15. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
16. Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Sifana namakhwenkwana ehleli ezindaweni zembutho, ekhwaza abalingane bawo,
17. esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela.
18. Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon.
19. UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ubulumko bugwetyelwe kokuvela ebantwaneni babo.
20. Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga, esithi,
21. Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, inge yaguquka kudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo nangothuthu.
22. Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunani.
23. Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla.
24. Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe.
25. Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yamazulu nehlabathi, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana;
26. ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo.
27. Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho umaziyo uNyana, kuphela nguYise; akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo athi uNyana athande ukumtyhilela.
28. Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.
29. Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.
30. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.
About UMateyu Chapter 11
Read UMateyu Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UMateyu
Chapter: 11
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMateyu. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UMateyu Chapter 11 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UMateyu Chapter 11?
UMateyu Chapter 11 is part of the Book of UMateyu in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UMateyu Chapter 11 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 8
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 13
Explore More from umateyu
- UMateyu Chapter 22
- UMateyu Chapter 24
- UMateyu Chapter 15
- UMateyu Chapter 7
- UMateyu Chapter 6
- UMateyu Chapter 17
- UMateyu Chapter 8