KuFilemon Chapter 1

For English

Read KuFilemon Chapter 1 Online

Read KuFilemon Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KuFilemon in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KuFilemon and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1

KuFilemon 1

Isahluko 1

1. UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi,

2. noApiya isithandanekazi sethu, noArkipo umphumi-mkhosi nathi, nebandla elisendlwini yakho;

3. bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.

4. Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam,

5. ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele,

6. ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu.

7. Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.

8. Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo,

9. noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.

10. Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;

11. obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle.

12. Lowo ndimbuyisele kuwe; wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;

13. ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndisezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;

14. kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.

15. Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade;

16. engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?

17. Ngoko ke, ukuba unobudlelane nam, mamkele njengam.

18. Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum.

19. Mna Pawulos ndikubhale ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingatshoyo kuwe ukuthi, kum unetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho.

20. Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.

21. Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba uya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.

22. Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.

23. Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu,

24. kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam.

25. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen.

About KuFilemon Chapter 1

Read KuFilemon Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KuFilemon in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KuFilemon
Chapter: 1
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KuFilemon. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KuFilemon Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KuFilemon Chapter 1?

KuFilemon Chapter 1 is part of the Book of KuFilemon in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KuFilemon Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from Kufilemon

Related Chapters & Readings

  1. UYoshuwa Chapter 9
  2. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 11
  3. IEksodus Chapter 7
  4. UAmos Chapter 1
  5. UDaniyeli Chapter 12
  6. ILevitikus Chapter 16
  7. UZekariya Chapter 4
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *