IsiTyhilelo Chapter 20

For English

Read IsiTyhilelo Chapter 20 Online

Read IsiTyhilelo Chapter 20 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IsiTyhilelo and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IsiTyhilelo 20

Isahluko 20

1. Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso.

2. Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka.

3. Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.

4. Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.

5. Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala.

6. Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.

7. Xa ithe yazaliseka iminyaka eliwaka, uSathana wokhululwa entolongweni yakhe;

8. aphume, aye kuzilahlekisa iintlanga ezisezimbombeni ezine zehlabathi, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, abanani labo lingangentlabathi yaselwandle.

9. Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uvela kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabagqiba.

10. UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.

11. Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.

12. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.

13. Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.

14. Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini.

15. Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.

About IsiTyhilelo Chapter 20

Read IsiTyhilelo Chapter 20 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IsiTyhilelo
Chapter: 20
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IsiTyhilelo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IsiTyhilelo Chapter 20 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IsiTyhilelo Chapter 20?

IsiTyhilelo Chapter 20 is part of the Book of IsiTyhilelo in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IsiTyhilelo Chapter 20 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from isityhilelo

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 14
  4. IsiTyhilelo Chapter 10
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. IsiTyhilelo Chapter 13
  7. IsiTyhilelo Chapter 22

Explore More from ITestamente Entsha

  1. KwabaseRoma Chapter 7
  2. IZenzo Chapter 1
  3. IZenzo Chapter 24
  4. IZenzo Chapter 27
  5. ULuka Chapter 4
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 11
  7. IsiTyhilelo Chapter 7

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 39
  2. IDuteronomi Chapter 32
  3. 1 KaSamuweli Chapter 20
  4. 1 KuTimoti Chapter 4
  5. IiNdumiso Chapter 40
  6. IEksodus Chapter 23
  7. IiNdumiso Chapter 124
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *