Read UMateyu Chapter 22 Online
Read UMateyu Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMateyu and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UMateyu 22
Isahluko 22
1. Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi,
2. Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe.
3. Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza.
4. Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni.
5. Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe.
6. Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala.
7. Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo.
8. Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile.
9. Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni.
10. Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.
11. Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho.
12. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke.
13. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
14. Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
15. Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe.
16. Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu.
17. Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?
18. Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini?
19. Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo.
20. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?
21. Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.
22. Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.
23. Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza,
24. besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.
25. Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.
26. Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe.
27. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.
28. Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke.
29. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.
30. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.
31. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,
32. Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.
33. Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.
34. Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.
35. Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi,
36. Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na?
37. Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.
38. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.
39. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
40. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
41. Bakubon’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wabuza kubo,
42. esithi, Nithini na nina ngaye uKristu? Ungunyana kabani na? Bathi kuye, KaDavide.
43. Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi,
44. Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?
45. Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na?
46. Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.
About UMateyu Chapter 22
Read UMateyu Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UMateyu
Chapter: 22
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMateyu. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UMateyu Chapter 22 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UMateyu Chapter 22?
UMateyu Chapter 22 is part of the Book of UMateyu in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UMateyu Chapter 22 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 8
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 13
Explore More from umateyu
- UMateyu Chapter 26
- UMateyu Chapter 19
- UMateyu Chapter 4
- UMateyu Chapter 7
- UMateyu Chapter 8
- UMateyu Chapter 14
- UMateyu Chapter 10